EzintshaWomen's Football Super League

Kuzakuba nzima kakhulu ukudlala neLindelani kuba liqela elitsha kwiSuper League-Morifi

IMamelodi Sundowns Ladies ilungiselela umdlalo wayo wesithandathu kwiHollywoodbets Super League kule sizini njengoko ilungiselela ukuqubisana neLindelani Ladies esanda kunyuselwa ngeCawe.

ISundowns ibonise indlela ebalaseleyo kwinyanga ephelileyo, befumana impumelelo emine kwimidlalo emihlanu. Ngoku bajonge ukwandisa le nkqubo inomtsalane ukuya kutsho ku-Epreli. Ngaphandle kokuyeka ukusebenza ngenxa yekhefu lamazwe ngamazwe elithatha phantse iiveki ezintathu, uChuene Morifi uthi iqela lizigcine lisezingeni eliphezulu.

“Umoya wenkampu ubumhle ngenene emva kokuqala kwephulo. Ikhefu lisivumele ukuba sibe nexesha lokuchacha, sihlaziye kwaye sichithe ixesha elithile nosapho ngexesha lePasika. Nangona sasinexesha elifutshane lokuphumla, sasiqinisekisa ukuba sihlala sisempilweni. Siyiqale kakuhle isizini kwaye injongo kukwakhela phezu kwalo mfutho kwaye siphumelele imidlalo ukunciphisa uxinzelelo kancinci,” utshilo uChuene.

Kwingqalelo yakhe, uMorifi uyiqale ngokudlamkileyo isizini, sele efake amagowuli amabini: elinye bedlala neTS Galaxy Queens elinye bedlala neUJ. Unyawo lwasekhohlo oluguquguqukayo luyavuma ukuba iLindelani Ladies inomceli mngeni owahlukileyo kuleyo idibene neyoKwindla.

“Izakuba ngumdlalo onzima kakhulu xa sicinga ukuba iLindelani Ladies liqela elitsha kwiligi. Nangona kunjalo, ndiqinisekile ukuba uhlalutyo lwethu lwangaphambi komdlalo lunike ulwazi malunga nendlela yokusondela kunye nokulungiselela umdlalo. Njengayo nayiphi na enye imidlalo, asizukubajongela phantsi njengoko iligi ihleli ingaqikelelekanga,” uvale ngalo mazwi uChuene.

ULehlogonolo ‘Hlogi’ Mashigo naye ukwafana noMorifi, elindele ukuba eli qela lizinze KwaZulu-Natal lizakufuna ukwenza into emandla emva kokunyuselwa kwiSasol National League.

“Njengeqela elisanda kunyuswa, silindele ukuba bangoyiki kwaye bazimisele ukuzibonakalisa. Siwujonge ngamehlo abomvu umdlalo ngoba uza kuzisa umngeni owahlukileyo. Ndicinga ukuba izakuba ngumdlalo omnandi kakhulu kwaye sijonge phambili ukudlala nabo,” utshilo uLehlogonolo.

Nangona efake amagowuli alishumi elinesithandathu kwimidlalo emihlanu yokuqala, uMashigo uye wahlaba ikhwelo kweli qela ukuba lifake amanye amanqaku ngo-Apreli.

“Xa ufaka amanqaku, uyawongeza amathuba okuphumelela imidlalo. Ngokunjalo, sizimisele ukufumana amanqaku amaninzi ngo-Apreli. Ndiyavuya yindlela nabadlali abatsha abathe badlala ibhola ebaleni bebeka ibhola emnatheni,” uvale ngalo mazwi uHlogi.

Umdlalo ophakathi kweSundowns Ladies kunye neLindelani Ladies esanda kunyuselwa uhlelelwe ukuba ubanjwe ngeCawe, umhla weshumi elinesine kuTshazimpuzi, e-UJ Soweto Campus kulindeleke ukuba umdlalo udlale ngecala emva kwentssimbi yeshumi ekinanye (11h30).