
IPirates ziinkunzi zaseSoweto kwakhona
I-Orlando Pirates ibuye ngasemva yaphumelela ngo 3-2 kwidabi laseSoweto idlala neKaizer Chiefs kumdlalo weDstv Premiership eFNB Stadium ngenjikalanga yangoMgqibelo.
Ume ngxi uMzantsi Afrika kule mpelaveki ngethuba lamaqela aseSoweto ebambenie kwibala ebeligcwele ngabalandeli bebhola.
Umdlali odlala ephikweni weChiefs u-Ashley Du Preez ubonakalise into akwaziyo ukuyenza xa enikwe ithuba lokungena embindini ebaleni.
UDu Preez uye wagqabaza emva kwemizuzu emithandathu ebeka Amakhosi phambili.
Nangona kunjalo, uMonnapule Saleng ufake igowuli lokulinganisa ngomzuzu wamashumi amabini anesine, nto leyo enika abalandeli beBhakabhaka ithemba lokuba bangawuphumelela umdlalo.
Kwimizuzu nje emibini phambi kwekhefu, uDu Preez ufake inqaku lakhe lesibini kulomdlalo.
Kwisiqingatha sesibini, iPirates ibuye yaze yakhokela ngamagowuli kaThabiso Lebitso ngomzuzu wamashumi amahlanu anesixhenxe emdlalweni kunye noSaleng, ofake inqaki lakhe lesibini ngomzuzu wamashumi amathandathu anesixhenxe.
Kokokuqala kwimbali yePSL ukuba abadlali abaphuma kuzo omabini amaqela bafaka amanqaku amabini emdlalweni kwidabi laseSoweto.
IPirates ingene kulo mdlalo ngaphandle komdlali weBafana Bafana u-Evidence Makgopa ngenxa yokwenzakala.
Umqeqeshi uJose Riveiro ukhethe ukuqala ngoTshegofatso Mabasa, obenomdlalo omhle xa bebedlala neCape Town Spurs ngoLwesithathu ebusuku.
UMongameli welizwe oHloniphekileyo uCyril Ramaphosa kunye noMphathiswa wezeMidlalo, ubuGcisa, neNkcubeko uZizi Kodwa babephakathi kwabantu ababukele lo mdlalo
Umqeqeshi weBafana Bafana uHugo Broos kunye nomncedisi wakhe uHelman Mkhalele nabo bebekhona ebaleni.
I-Sea Robbers ize kulo mdlalo iphumelele imidlalo emibini ilandelana.
Kwiindibano ezili-17 ezidlulileyo zeligi phakathi kwala maqela mabini, iChiefs iphumelele imidlalo esixhenxe ngelixa amaBhakabhaka ephumelele emithandathu. Imidlalo emine iphele bedlala ntangange.
