
Izinto azimntaka-Ngqika -Khenyeza
Umqeqeshi weGolden Arrows, uMabhuti Khenyeza, uthi, nangona begqibele ngokubethwa, iqela lakhe lidlale kakuhle lidlala neKaizer Chiefs kumdlalo wabo weDstv Premiership ngoLwesibini.
Abafana Bes’thende babethwe kumdlalo wabo weshumi elinanye eFNB Stadium ngethuba bebethwa ngaMakhosi ngo 1-0.
UWandile Duba ufake inqaku ekuphela kwalo kulo mdlalo ngomzuzu weshumi elinanye, egoba ibhola entle ephuma ecaleni kwebhokisi encediswa nguPule Mmodi.
UKhenyeza ushiyeke ephazamisa ukungakwazi kweqela lakhe ukusebensiza amathuba njengoko bebeyongamele ngokupheleleyo iChiefs.
“Ibilibali elifanayo njengoko benditshilo ngaphambili, sidale amathuba, ndicinga ukuba bekufanele ukuba siguqule amathuba amabini. Kwisiqingatha sesibini besiwulawula umdlalo. Ndicinga ukuba iChiefs ifumene ithuba lokufaka igowuli kuphela kwisiqingatha sokuqala, emva koko besiphezu kwayo.“
Besiwuphethe umdlalo kodwa ngoku bayasikhokela kwaye silandela emva. Nakwisiqingatha sesibini besiwulawula ngokupheleleyo umdlalo, bekufanele ukuba sifumene into.
“Ndicinga ukuba kufuneka siwatyhale amakhwenkwe ngoba luxanduva lwethu njengabaqeqeshi bebhola ukuba sihlale somelele kwaye sibakhuthaze. Ngokudlala kunye nokuthelekisa amanye amaqela, siyawathelekisa kodwa ekupheleni kosuku kufuneka siphumelele.
Sinemidlalo emininzi ezayo kwaye kufanele siqhubekele phambili. Iqela labaqeqeshi lomelele kakhulu ngokwasengqondweni, okwangoku izinto azimtaka-ngqika sizakuqhuba,utshilo eKhenyeza kwiSupersport TV.
I-Arrows yagqibela ukuphumelele umdlalo weligi ngeyeDwarha kunyaka ophelileyo xa ibetha iGlamour Boys ngo 2-1 eMpumalanga Stadium, eHammarsdale.
UKhenyeza uthi uzakuthabathela ngakuye uxanduza lweziphumo ezibi zeqela.
“Phambi kwayo yonke into ndizathatha uxanduva kodwa siza kuqhubeka sikhuthaza abadlali. Kufuneka sibagcine sibakhusele abadlali ngoba ngabadlali abaqeqeshiweyo aba, kusekude ukuba bahambe kwikhondo labo.
“Kufuneka sihlale nabo phantsi sibakhuthaze, asikwazi ukuxhoma abadlali, kwiqela lethu asigxeki abadlali, senza yonke into njengeqela, ukuba siyabandezeleka siyasokola njengeqela, kwaye ukuba siyaphumelele ,siphumelela siliqela, asikhomba mntu ngeminwe,” wongeze ngelitshoyo uKhenyeza.
