Bafana BafanaDStv PremiershipEzintsha

Akasekho emhlabeni uFluers osweleke kuxhwilo lwesithuthi sakhe eGawutini

Umdlali odlala ngasemva kwiKaizer Chiefs, uLuke Fleurs, ubulewe kuxhwilo lwenqwelo-mafutha eHoneydew, eRhawutini, ngoLwesithathu ebusuku.

Isithethi samapolisa aseGauteng, uLieutenant Colonel Mavela Masondo, uthi uFleurs ubeqhuba iVW Golf 8 GTI ebomvu ingena kwisikhululo sokwetha amamafutha e-14th Avenue.

“Ngelixa elinde ukufakelwa amafuth, wagagana ngamadoda amabini axhobileyo abeze eqhuba iBMW 1 Series emhlophe,” utshilo uMasondo.

“Abarhanelwa bamkhomba ngompu bamkhupha kwisithuthi sakhe, emva koko bamdubula kwakanye kumzimba ongentla. Omnye umrhanelwa uye wahamba nemoto yexhoba elandelwa ngulo wayehamba naye.”

UMasondo uthi uFleurs usiwe kwelona ziko lonyango likufutshane apho waqinisekiswa ukuba uswelekile ukufika kwakhe.

Amapolisa alivulile ityala lokubulala kunye nokuxhwilwa kwemoto ngelokuphandwa, kwaye akukabanjwa mntu okwangoku.

Wongeze ngelithi uMkomishinala wePhondo laseRhawutini uLieutenant General Tommy Mthombeni utyumbe igqiza labacuphi abanamava abasuka kwi-ofisi yephondo ukuba baphande kwaye bakhangele abarhanelwa.

Amapolisa acela nabani na onokuba nolwazi olunokunceda kuphando okanye ukuncedisa ekubanjweni kwabarhanelwa ukuba atsalele isikhululo samapolisa esikufutshane okanye atsalele umnxeba kwindawo yokumisa ulwaphulo-mthetho ku-08600 10111.

Umanejala weendaba kwiKaizer Chiefs, uVina Maphosa, uthe iqela alinakuthetha ngalo mba, kodwa kulindeleke ingxelo esemthethweni kungekudala.

Lo mdlali wasemva oziimitha eziyi-1.82 ubude waqala ukudlala ibhola ekhatywayo ku-Ubuntu eKapa emva kokunyukela kumanqanaba aphezulu.

UFleurs wajoyina Ubuntu’s academy eneminyaka eyi-13 ngo-2013. Kwiminyaka emine emva koko uye waqala ukudlala kwiNational First Division eneminyaka eyi-17.

UFleurs watykitya neSuperSport United ngo-2018. Apho wadlala imidlalo engaphezu kwama-60.

Indlela adlale ngayo kwiSuperSport yamenza watyikitywa yiChiefs kwisivumelwano seminyaka emibini kweyeDwarha kunyaka ophelileyo. Akazange adlale namnye umdlalo kwiChiefs de wasutywa kukufa.

UFleurs wamela iqela lesizwe kubadlali abangaphantsi kwa-20 , ukwabizwe kwiqela leBafana Bafana ngo-2021 nango-2022,  kodwa akazange ade adlale.

Lala uphumle mdlali.