DStv PremiershipEzintsha

No Jelly for Chavani enqunyanyiswa ngenxa yehlazo alenza kwiNedbank

Uqunyanyisiwe uJelly Chavani ozihlaze ngempazamo ayenzileyo kumdlalo weNedbank Cup kutshanje.

Ikomiti ephonononga izigqibo zoonompempe ifumanise ukuba uChavani wenze impazamo enkulu ngokusilela ukukhupha umdlali wasemva kweMamelodi Sundowns uDivine Lunga kumdlalo owandulela owamagqibela kankqoyi weNedbank Cup bedlala neStellenbosch kwiiveki ezimbini ezidlulileyo.

ULunga udlale kakubi uDevin Titus nanjengoko wayesele enekhadi elityheli, kwafuneka afumane elesibini aphume.

Kodwa kwathi kusenzeka esi sehlo, ekunye nomncedisi wakhe uJelly Chavani, uZakhele Siwela wakruneka umsipha.

UChavani emva koko wathandabuza ukujonga ugxa wakhe, iSundowns yashiyeka isusa uLunga yabeka uThapelo Morena endaweni yakhe.

Ngokwengxelo yeCity Press, ikomiti ehlolayo kasompempe ifumanise ukuba uChavani bekufanele ukuba akhuphe ikhadi lesibini elityheli kuLunga kuqala.

Oku bekuya kuthetha ukumkhupha ngekhadi elibomvu ebeza kutshintsha izinto emdlalweni. ISundowns idlulele kumdlalo wokugqibela, iphumelele ngo’2-1.

Ukunqunyanyiswa kwakhe akukacaci ukuba kuza kude kube nini kodwa kubonakala ngathi ayizukuba nguye oza kuphatha umdlalo wokugqibela weNedbank Cup.

Lo mdlalo uzakuba phakathi kweSundowns neOrlando Pirates eMbombela Stadium ngomhla wokuqala kweyeSilimela.

Kusenjalo, iSafa iqinisekisile ukuba kukho oosompempe abanqunyanyisiweyo kwaye baza kuphinda baqeqeshwe phambi kwesizini ezayo.

“Ewe, isigqibo sokubanqumamisa siphumile kwaye singakuqinisekisa oko njengeSafa.

“Abanye oosompempe bethu banqunyanyisiwe kwaye abanye baza kubuya ekuqaleni kwesizini entsha.

“Bonke bazakuba yinxalenye yocweyo oluphambi kwesizini kaJulayi nalapho bazakube bexoxa ngezilungiso kwimithetho yomdlalo…

“Baza kulungiselela isizini ezayo bajonge ukuba kwenzeke ntoni kwisizini ephelileyo,” itshilo ingxelo yeSafa.