
Amalungiselelo esizini ezayo yeDstv Premiership sele eqalile, amaqela ayachitha wambi ayatyikitya
Lukanyo Tshitshi
Amaqela amaninzi kwiPremier Soccer LEague (PSL) sele eqalile ukulungiselela isizini ezayo ka-2024/25 yeDstv Premiership ekulindele ukuba iqale ekuqaleni kwenyanga ka-August.
I-Orlando Pirates lelinye lamaqela asele ethe gabhu kumalungiselelo esizini ezayo nanjengoko sele libhengezo abadlali ababini abamkileyo kunye badlali abane ekulindeleke ukuba balishiye eliqela xa kuphela izivumelwano zabo xa kuphela inyanga ka-Canzibe kulo umiyo.
Inzalelwane yaseCameroon nengumdlali wangaphambili, uSouaibou Marou kunye nomdlali wasesuswini uFortune Makaringe ngabo abavule indlela ephumayo es’godini sikaMabinzela.
Emva kwabo iPirates ibhengeze ukuba izakuphulukana nabadlali abane ekuquka, Thabang Monare, Kermit Erasmus, Richard Ofori kunye Siyabonga Mpotshane emva kokuba iqela lithathe isigqibo soba ingavuseleli izivumelwano zabo
Oku kuyingxelenye yamalungiselelo esizini ezayo nejongwe ngamehlo amamvu ngaMabhakhaniya nanjengoko bebuyela kwiCAF Champions League.
Kwelinye icala, iqela elizinze kwisixeko saseKapa, i-Cape Town City sele liqalile ukutyikitya abadlali kwaye liyamanyaniswa nokutyikatya abadlali abaliqela.
Emva kokuchitha abadlali abaliqela kwimpela veki ephelileyo okuquka uThabiso Kutumela obuyela kwiqela lakhe iMamelodi Sundowns emva kwembolekiso kuquka no-Jo Paciencia, Relebogile Mokhuoane , Bongani Mpandle noKhanya Leshabela, eliqela lityikitye isihlanu sabadlali.
Iqela lika-Eric Tinkler lityikitye abona badlali banamava kwiPSL. Fortune Makaringe, Hashim Domingo, Kamohelo Mokotjo, Elson Sithole kunye koPrins Tjiuenza ngababona badlali abatsha kweli qela.
Amanye amaqala asathe cwaka nangona kukho iingxelo eziwayamisa nokutyikatyika abadlali, abaqeqeshi kunye nokuchitha abadlali.
IKaizer Chiefs liyingxalenye yalomaqela angakenzi mnyakazo ubonakalayo.Zona iingxelo zemithombe ethembekileyo eMzantsi Afrika ziveza ukuba Amakhosi asakhangela ukuchonga umqeqeshi oyintloko ozokukhokhela eliqela kwisizini ezaya.
Amagama amakhulu afana noPitso Mosimane, Sead Ramovic kunye Nasreddine Nabi ayakhankanywa kweziingxelo.
Ifestile yokutyikitya abadlali izakuvulwa ngokusesikweni ngomhla ka-1 July 2024.
