
USamkelo Zwane uceba ukulishiya iqela laseSoweto ayokufuna amadlelo aluhlaza
By Lukanyo Tshitshi
Umdlali odlala esiswini kwiKaizer Chiefs uSamkelo Zwane(22) uzakujonga amathuba wokuba aye kwimbolekiso ekupheleni kwesizini emveni kokungafuni thuba lokudlala kwiChiefs phantsi kwebambela mqeqeshi oyintloko uCavin Johnson.
Ngokokutsho kommeli kaZwane, uMike Makaab, elityendyena alikahlali phantsi neqela neChiefs lithethe ngalomba kodwa ekwathi kwesisimo kungcono umdlali akhethe uya kwimbolekiso apho azakufuna ithuba lokudlala.
Ethetha nephephendaba iDiski times, loka Mikaab uthe, “ Ndicinga ukuba kuya kuba ngaphambi kwexesha ukuxoxa ngayo nayiphi na into elolu hlobo, ndingatsho ukuba umntu unokujonga kuphela [ithuba lokuya kwimbolekiso ] ekupheleni kwale sizini,
“Kuye [uZwane] okanye nawuphi na umdlali masilibale ngoSamkelo kodwa nawuphi na umdlali ngokubanzi, ukuba umdlali abolekiswe kwaye ukuba siyakholelwa kwaye siyayixhasa le ngxelo, siya kuba ngasemva ukuyenza kodwa siqinisekise apho sikholelwa ukuba umdlali ufumene ithuba nexesha lomdlalo kunye nemizuzu [elungileyo],” utshilo uMikaab.
UZwane ufike eNaturena ngonyaka ka-2022 esuka kuphuhliso lweli qela. Ufike wayingxalenye yabadlali abaliqela abasuka kumazinga aphantsi Amakhosi abafana noHappy Mashiyane, Siyabonga Ngezana kunye Nonkosingphile Ngcono nabanye.
Ukusukela ngoko uZwane udlale imidlalo engamashumi amabini anesibini kulo lonke ukhuphiswano kuquka iMTN8, Nedbank Cup kunye neBlack Label knockout.
