
IBanyana iza kuqubisana neSenegal kumdlalo wobuhlobo wamazwe ngamazwe
Iintshatsheli ezikhuselayo zeNdebe yeZizwe zase-Afrika (Womens Africa Cup of Nations) iBanyana Banyana iza kudlala imidlalo yobuhlobo yamazwe ngamazwe emibini idlala neSenegal ngexesha lekhefu leFIFA kwezi veki zizayo.
Iqela likaGqirha uDesiree Ellis liza kujongana nabemi baseNtshona Afrika ngomhla wama-31 kuMeyi, nangomhla wesi-4 kuJuni ka-2024.
“Besisoloko sisithi siza kusebenzisa ikhefu leFIFA ukuya phambili kwaye ngoku sinemidlalo yobuhlobo emibini neSenegal. Kufuneka sihlale sixakekile ukuze silungele kwaye silungiselele iWAFCON,” utshilo uGqr Ellis.
“Kukho abadlali ababuya ekwenzakaleni, nathi sifuna ukubona abanye abadlali ngexesha lemidlalo yobuhlobo neSenegal. Kufuneka silungiselele kwaye silungele i-WAFCON. Khange sifumane naluphi na unxibelelwano malunga nokuba izokwenzeka nini, kodwa siza kulisebenzisa eli khefu leFIFA ukuqinisekisa ukuba siyaqala ukulungiselela. “
I-WAFCON elandelayo iza kubanjelwa eMorocco kodwa imihla yokuqala kwaletumente iseza kubhengezwa.
Iqela lokugqibela labadlali abangama-23 kumdlalo wobuhlobo neSenegal liza kubhengezwa kwingekudala.
