
U-Ellis ucacise ngokudlaliswa kweBanyana eLoftus
Umqeqeshi weBanyana Banyana, uDesiree Ellis uvakalise ukuba iqela lakhe lizimisele ngokulwa kubemdaka iisali xa ithathana phezulu neNigeria kwibala laseLoftus Versfeld ePitori kumlenze wesibini wokuzibekela indawo kwi-2024 Olympics eFrance.
Ethetha nonondaba bezemidlalo bejelo leSABC kwiveki ephelileyo, uEllis uvakalise ukuba iBanyana izakusebenzisa zonke izixhobo enazo xa ijongene neSuper Falcons ngomhla wokuqala ku-April, ekwavakalisa ukuba isigqibo sokuchonga iLoftus Stadium ukuba isingathe lomdlalo siphembelelwe yinzuzoyokuphakama abaceba ukuyisebenzisa kulomdlalo.
“Sijonge ukuphakama, kufuneka siqinisekise ukuba siyayisebenzisa kwaye sinethemba lokuba ingasinceda ngakumbi kwimizuzu eyi-15/20 yokuqala kumdlalo,” utshilo uEllis.
Iqela leBanyana Banyana ligqibela ukuthatha ingxaxheba kwi-Olympics ngonyaka ka-2016.
Ukanti yona iSuper Falcons yagqibela ngonyaka ka -2008 kwilizwe laseChina.
Iqela lika-Ellis lisingise kulo mdlalo lihambela phezulu kukuzithemba emveni kokuphumelela imidlalo emine kwemihlanu abayidlale neSuper Falcons.
Ngokokutsho kuka-Ellis, ukugqibelisa kwayo lamaqela mabini ukudlala kunye kwi-Aisha Buhari Cup ngo nyaka ka-2021, abadlali abasemangqwangqweni beBanyana Banyana babengekho.
“Abanye babadlali bethu abaphambili bebengafumaneki kulo mdlalo, kodwa ngohlobo lwebhola ekhatywayo esiyidlalileyo, inkolelo esekelwe kuyo, kwaye oku kubonisa ukuba eli qela aloyiki mntu,” utshilo oka-Ellis.
Kuzabe kuxhelw’exhwukwane nanjengoko uEllis kulindaleke ukuba abhengeze iqela lakhe labadlali abayi-23 abazakujongana neqela lase Nigeria.
Ukapteni, uRefiloe Jane kunye nomdlali wangasemva uBambanani Mbane,Bongeka Gamede kwakunye noSibulele Holweni bayingxalanye yabadlali uEllis azokuchonga kuyo, aba badlali basethubeni lokubuyela ebalini okukuqala sukela kwiNdebe yHlabathi yabasethyini yeFIFA ka-2023.
