DStv PremiershipEzintsha

Amakhosi amaxhaphetshu ayadiliza alungiselela ukufika komqeqeshi omtsha.

Lukanyo Tshitshi

IKaizer Chiefs imaxhaphetshu idiliza abadlali ukulungiselela ukufika komqeqeshi omtsha uNasreddine Nabi okulindileke atheleke kweli loMzantsi Afrika emva komdlalo wakhe wokugqibela neqela laseMorocco i-FAR Rabat.

Abadlali abane ekuquka uKeagan Dolly, Sifiso Hlanti, Siyathemba Sithebe kunye noNjabulo Ngcono bakhonjwe emnyango nanjengoko isivumelwano zabo bekulindeke ukuba ziphele ngomhla ka-01 July 2024. IChiefs ligqibe ukuba lingazivuseleli ezivumelwano zababadlali.

UDolly nowayebonwa njengomdlali ozoza notshintsho kwiqela leChiefs xeshikweni etyikitywa ngaMakhosi, uhamba kweliqela emva kokudlala imidlalo engamashumi mathandathu anesixhenxe, wafaka amanqaku alishumi linesine ze wancedisa kumanqaku alishumi linanye.

Kwelinye icala umdlali wasesuswini uGeorge Matlou utyikitye isivumelwano esitsha sonyaka omnye esimgcina kuMakhosi usukukela ngoku ukuyotsho ngoJune ka2025.

Kwicala lomqeqeshi omtsha, Ngokwengxela yomthombo othembekileyo, zonke izinto zimingomumo phakathi kuka-Nabi naMakhosi, yonke into sele ugqityiwe kushiyeke ukubhengezwa kwakhe liqela.

UNabi nolindwe ngomonde ngaMakhosi uzafika nabancedisi bakhe abaqikelelwa kwisithathu ekuquka umncedisi mqeqeshi uFernando Da Cruz osele ephakathi kwemida yeli loMzantsi Afrika, umqeqeshi wonozinti kunye nomqeqeshi wokuzilolonga.

Ngokweshicilelo lwevidiyo, uDa Cruz ufike kweli loMzantsi Afrika ngomhla ka-23 June 2024, kwisikhukulo seenqwelomoya i-OR Tambo eJohannesburg

UDa Cruz sele engumqeqeshi onamava. Sele kusuka kubamba intambo njengomqeqeshi kumazinga aphantsi kwiqela lase-France iLille nakwiqela lase-Belgium iRoyal Excel Mouscron.