Ezintsha

URulani uphefumle ngeenthetha zikaGamondi kumdlalo weCAF Champions League

Emva kweengxoxo zokungavunyelwa kwenqaku leYanga kwiCAF Champions League,umqeqeshi weMamelodi Sundowns uRulani Mokwena uphendule amazwi abukhali athethwe ngumqeqeshi weYoung Africans SC uMiguel Gamondi.

ISundowns idlulele kumdlalo owandulela owamagqibela kankqoyi weChampions League emva kokubetha iYoung Africans ngo 3-2 kukhatywa iipenalthi eLoftus Versfeld Stadium ngoLwesihlanu ebusuku.

La maqela mabini ashiyeke ebambene ngo 0-0 xa uwonke kulandela ukudlala ngokulingana ngaphandle kwamagowuli kumdlalo wokuqala ngoMgqibelo odlulileyo eDar es Salaam, nto leyo enyanzele ukuba kukhatywe iipenalthi.

Nangona iSundowns iwafumene amathuba kulo mdlalo, iYanga ibenalo igowuli elithe lachithwa yiVAR kwisiqingatha sesibini.  Utsale imbumbulu yenqaku uStephane Aziz Ki kodwa iVAR igwebe ukuba aliwuwelanga umgca.

UGamondi umgxeke kabukhali usompempe waseMauritius uDahane Beida ngethuba ethandabuza igowuli labo. Umqeqeshi weYanga ukholelwa ukuba iqela lakhe ‘lihluthwe’ ithuba lokudlulela kumjikelo olandelayo.

Ngelixa umqeqeshi weSundowns uMokwena ethathele ingqalelo xa ethetha ngegowuli leYanga elaliwe, uthe iqela lakhe belifanele ukuba lifumene ipenalthi.

“Andiwafumani amazwi okumkholisa [uGamondi], imvakalelo yokuqhathwa nawuphi na umqeqeshi [ayiyonto intle]. Idlale kakuhle kakhulu iYanga.”utshilo uMokwena xa ebuzwa ngeentetha zikaGamondi ngosompempe.

“Bezininzi ezinye iimeko, njengokudlalwa kakubi kukaDivine Lunga efakwa igqiniba ngaphakathi ebhokisini, ibinokuba yipenalthi naleyo.

“Kodwa andifuni kuthetha ngezo zinto. Mhlawumbi ukuba bendibethiwe kulo mdlalo, nam bendizakuthetha ngolo hlobo,kodwa ndibulela ukuphumelela. IYanga liqela elihle yaye sikonwabele ukudlala nabo ekhaya nakude nekhaya.”

ISundowns izakujika imibombo ibhekise kumdlalo weDStv Premiership ukuze iqubisane neCape Town Spurs ebhekene nezokugawulwa lizembe e-Athlone Stadium ngoLwesibini ozayo.