DStv PremiershipEzintsha

IChippa izakwamkela iCity kwiDstv Premiership

 IChippa United ithathana phezulu neCape Town City kumdlalo weDStv Premiership ozakudlalelwa eBuffalo City Stadium ngoMgqibelo.

 ICitizens ezisendaweni entle kwiligi basethubeni lokuvala isthuba phakathi kwabo neentshatsheli ezikhusela iMamelodi Sundowns.

 IiChilli Boys zagqiba u-2023 ngokubethwa yiTS Galaxy  ngo 2-0 ngomhla wama-30 kaDisemba. Ngako oko, iChippa ayiphumelelanga kwimidlalo yayo emibini yokugqibela yeligi.

 Eli qela laseMpuma Koloni likwindawo yeshumi elinesithathu kwemidlalo yePremiership – ngamanqaku amahlanu. Ukuphumelela kwabo kwiCity lonto izakubasusa ezansi kwiligi.

 Kwaye ukuphumelela kweCity kuzakwenza ukuba iiChilli Boys zisuke endaweni emanyumnyezi enokwenza bagecwe lizembe.

 Kwelinye icala iCity igqibe unyaka ka-2023 iphumelela ngo 2- 0 bedlala neCape Town Spurs kumdlalo weligi kwaye ayikabethwa kwimidlalo yabo emini yokugqibela yeligi.

 ICitizens ikwindawo yesibini kwiligi – ngamanqaku alithoba emva kweSundowns ekhokelayo enemidlalo emibini esandleni.

 ICity ilingana ngamanqaku neSuperSport United ekwindawo yesithathu.

 IChippa izakuba ngaphandle komdlali wayo ongunozinti uStanley Nwabali oko kungqinwe ngumqeqeshi weqela uThabo September.

IiChilli Boys zohlukene noThabiso Lebitso kunye no-Augustine Mulenga kwinyanga ephelileyo phambi kokuba baphinde batyikitye u-Bienvenu Eva Nga.

 Kwelinye icala, iCity izakube ingenaye uTaahir Goedeman onqunyanyisiweyo, kodwa iCitizens yothuke yahlukana nomnye wabadlali ekudala ikho, uThato Mokeke ekuqaleni kwale nyanga emva kokutyikitya uPrins Tjiueza, kodwa lo mdlali waseNamibia wonzakele.

 “Baninzi abadlali abanetalente eMpuma Koloni, ukuba uthe wakhangela kakuhle uya kubafumana, ukuba ujonga iqela ngoku, abekho abadlali baseMpuma Koloni,” utshilo uSeptember.

 “Eli lithuba elihle lokusebenza neziko lemfundo, ukufumana abadlali abanesiphiwo kwaye siguqule iChippa ibe lelinye lamaqela amakhulu.

 Malunga nendlela esidlala ngayo , siza kuva [uKwanele] ngoKopo uhlobo lwabadlali esiza kubadinga phambi kokuba sithathe isigqibo.