DStv PremiershipEzintsha

Kukrakra nobusi kwiSpurs

By Lukanyo Tshitshi

Akukho nto incumisayo kwiCape Town Spurs emva kokuphulukani nomdlalo weshumi elinesithoba kulesizini xa bebedlala nePolokwane City eAthlone Stadium ngokuhlwa kwangoLwesibini kumdlalo wabo wamashumi mabini anesithandathu kwiDstv Premiership.

ISpurs iye kulomdlalo ihambela phezulu kukuzithemba bejonge ukuqhubeka ngesingqi sangempelaveki apho babethe iRichards Bay ngo 1-0 babuyisa amathemba wokusinda ekusikweni lizembe.

Iqela lika-Ernst Middendorp lisecicini lokusikwa lizembe libuyele kwisahlulo esisezantsi sebhola ekhatywayo eMzansi Afrika iMotsepe Foundation Championship emva kokuchitha isizini enye kwiDstv Premiership.

Kwimidlalo engamashumi mabini anesithandathu esele idlaliwe kulesizini, i-Urban Warriors liphulukene nemidalo elishumi elinesithoba, badlala ntanganye kwemithathu ze baphumelele emine.

Kule ntlekele yesizini iqela leSpurs eliye lanayo lingenelwe ngumswahla wamanqaku ayi-42 bona bafaka ayi-19 kuphela.

Ethetha noPhumlani Msibi weSuperSport TV kwimpelaveki ephelileyo, uMiddendorp uvakalise ukuba iqela lakhe alinasandla kwokwezeka kweminye imidlalo ntonje bona kofuneka bangxininise belandela izicwangciso zabo.

“Kufuneka senze umsebenzi wethu wasekhaya, asinakuphembelela okwenzekileyo kwezinye izinto [imidlalo] logama sisenombhalo obhaliweyo phambi kwethu kwaye wonke umntu uyalandela, kwaye wonke umntu uyakwazi ngakumbi oko kubalulekele kakhulu,” utshilo Middendorp.

Okwangoku iSpurs alikasikwa lizembe nanjengoko lisenalo ithuba lokulibaleka kodwa oko kuxhomekeke kwiziphumo zemidlalo yeRichards Bay.

Iqela ekuphele isizini likwindawo yokugqibela kwitafile lisikwa lizembe liyokudlala kwi-Championship, lona elikwindawo yesibini ukusuka ngasemva lidlala iplayoffs lilwele ukudlala kwiPremiership.

Imidlalo elandelayo ye-Cape Town Spurs.

Royal AM vs Cape Town Spurs

SuperSport United vs Cape Town Spurs

Golden Arrows vs Spurs

Cape Town Spurs vs Kaizer Chiefs