Bafana BafanaEzintsha

Ubhengeziwe umhla wokutsalwa kwamazwa azakufakwa emgqwazini kweyokuhlungela imidlalo ye-AFCON

Umbutho webhola ekhatywayo e-Afrika (CAF) ucacise ukuba azakuqhathwa nini amazwe aza kudlala imidlalo yokuhlungela iTotal Energies Africa Cup of Nations (Afcon) 2025.

Ukukhethwa kwamaqela aza kuzama ukuzibekela indawo eMorocco, kunyaka ozayo, kuza kwenziwa ngomhla wesine kweyeKhala, eRhawutini. Oku kuza kuboniswa ngqo kwiSuperSportTV ngo-2.30 emva kwemini.

Le midlalo izakuqala kweyoMsintsi ka2024. Amaqela ase-Afrika kuzakufuneka aqine ngenene ngoba kusekho imidlalo yokuhlungela iNdebe yeHlabathi ka-2026, ezakuqhuba ngeyoKwindla kunyaka ozayo, emva komjikelo wamva nje.

Siya kukhumbula ukuba aBafana Bafana bavuyise ilizwe ngethuba bebetha iZimbabwe ngo’3-1 kumdlalo wokuzibekela indawo kwiNdebe yeHlabathi, eFree State Stadium, eBloemfontein ngoLwesibini.

Lo nto yenzekile ngethuba isonwabela into yokuba iNigeria ibethwe yiBenin ngo’2-1 ngoMvulo, inike iBafana ithuba lokunyuka kakuhle kuGroup C inamanqaku asixhenxe ngoku, alingana neBenin phezulu.

Indebe ye-Afcon yade yaphunyelwlwa yi-Ivory Coast, ngoFebruwari walo nyaka.