
Al Ahly ikhuphe iTP Mazembe kwiCAF yafaka iSundowns kwiFIFA Club World Cup
Iintshatsheli, i-Al Ahly, zizibekele indawo kumdlalo wamagqibela kankqoyi weCAF Champions League emva kokubetha iTP Mazembe ngo 3-0 xa imidlalo iphelele, nto leyo ethetha ukuba iMamelodi Sundowns iye yakwazi ukuya kungena kwi-2025 FIFA Club World Cup.
I-Al Ahly ibe liqela lokuqala embalini elikwazileyo ukufikelela kumdlalo wokugqibela weCAFCL emva kokubetha iMazembe ngo3- 0 eCairo ngoLwesihlanu ebusuku.
Iindwendwe zifumene inqaku emva kwemizuzu engama-60 kodwa i-VAR yaphila elo nqaku.
Kwimizuzu nje embalwa emva koko, iqela lasekhaya, elinoPercy Tau, livule amanqaku ngoMohamed Abdelmonem.
I-Al Ahly ube namanqaku amabini ngomzuzu wamashumi asibhozo anesithathu (83) inqaku lifakwe nguWessam Abou Ali ukushiya ngaphandle kwamathandabuzo kumanqaku, njengoko iMazembe ngoku ibifuna amanqaku amabini.
Iqela lasekhaya livale ngenqaku lika-Akram Tawfik kwixesha elongeziweyo.
Ukuphuma kweMazembe kwiCAF Champions League kuthetha ukuba iSundowns ikwazile ukungena kwiFIFA Club World Cup.
Kusenjalo, i-Al Ahly iza kukhuphisana kumdlalo wamagqibela kankqoyi weCAF Champions League kwaye ibe liqela lokuqala ukuya kumagqibela kankqoyi izihlandlo ezintlanu ngokulandelelana.
Ngoku baza kuqubisana ne-ES Tunis kumdlalo wamagqibela kankqoyi waseMntla Afrika emva kokuba iTaraj ikhuphe iMamelodi Sundowns komnye umdlalo owandulela owamagqibela kankqoyi.

