Bafana BafanaEzintsha

Umqeqeshi weBafana, uHugo Broos, usaxakwe nguLyle Foster

 Umqeqeshi weBafana Bafana u-Hugo Broos usakruqukile yimeko yomdlali oyinzalelwane yase-Mzantsi Afrika odlala  kwiBurnley FC uLyle Foster.

 UFoster, osandul’ ukufumana iingcebiso ngempilo yengqondo, ebengekho kwiqela likaBroos ebelidlala kwi-Africa Cup of Nations (AFCON) eliphumelele imbasa yobhedu, kodwa uqhubekile edlalela iqela lakhe kwi-English Premier League.

 Oku kubangele amagqabaza athi uFoster ukhethe iqela lakhe endaweni yelizwe azalelwa kulo kwaye ubukho bakhe kwiBafana bebungayinceda iBafana iye phambili kule tumente.

 “Iyandikhathaza kancinane. Ndixelelwe kakuhle ngemeko yakhe yokugula ngengqondo ngumqeqeshi wakhe, uVincent Kompany, kunye neqela lakhe, iBurnley,” utshilo uBroos ngoLwesihlanu.

 “Ugqirha weqela labo [leBurnley] uye waqhagamshelana nathi, kwaye ngelo xesha, saqonda ukuba kuza kuba nzima kuye ukuba kwi-Afcon.

 “UFoster uphinde wasibhalela ileta esithi akazukuba yinxalenye yeqela lethu. 

“Bendisamfaka kuluhlu lwethu lokuqala kuba bendinethemba lokuba uzakuba ekulungele ukudlala.

 “Emva koko waqala wadlalela iqela lakhe imizuzu engama-45, emva koko wadlala umdlalo waphela, kwaye ndacinga ukuba mhlawumbi singahamba naye.

 “Sibuzile kwiqela, kodwa lathi akakakulungeli ukudlala kwi-Afcon, sagqiba ekubeni singamthathi.

“Kodwa sibonile ukuba ebeyidlala yonke imidlalo, kwaye ibindikhathaza – into yokuba angadlala imizuzu engama-90 kwiPremier League kodwa akakwazi ukudlala kwi-Afcon.”

 UBroos uthe ufumene umyalezo ngoLwesine wokuba uFoster wonzakele kwaye uza kwenziwa uqhaqho.

 “Ndinethemba lokuba uzakufumaneka ekupheleni kukaMatshi kwimidlalo elandelayo. 

“Andiqinisekanga uzakube ekulungele ukudlala, ndizakwazi kwiintsuku ezimbalwa. Ndiza kuthetha naye kuqala ndize ndifunde ngale meko.

 “Isigqibo sesakhe, nokuba uyeza okanye akezi. Xa elungele ukuza kwaye ekulungele ngokwasemzimbeni, kulungile.

 “Ukuba akakakulungeli, ndizakube ndiseBelgium ngoMatshi, ndiye eBurnley, apho ndiza kuthetha naye ndibone ukuba injani na imeko yakhe.

 “Kunzima ukuchaza indlela esiliphose ngayo igalelo lakhe kwi-Afcon. ULyle noLebo Mothiba bekumele ukuba bebekunye nathi e-Ivory Coast, kodwa uLebo wonzakele kwaye uzakuba ngaphandle kude kube nguJuni. 

“Kodwa besimthembile kakhulu u-Evidence Makgopa ngoba unesakhono, kwaye akazange aphoxe. Ukuba sisebenza noMakgopa, uzakuba ngumdlali ophambili.”