DStv PremiershipEzintsha

ICity ilahle amanqaku logama iStellies ithe ngcu kwindawo yesibini

ICape Town City ilahle amanqaku amaninzi njengoko ijonge ukuzigqatsela kwimidlalo yeCAF apho ibambene ngo 2-2  idlala nePolokwane City kumdlalo weDstv Premiership ngeCawe.

ICitizens isokole ukuphumelela imidlalo unyaka wonke kwaye izifumene iza ngasemva e-Old Peter Mokaba Stadium emva kwemizuzu nje esibhozo.

UMokibelo Ramabu nguye ovule inqaku, kodwa iCity ibuye entanjeni xa uThabiso Kutumela ecoca inqaku ngesiqingatha somdlalo.

UKhanyisa Mayo uye wabeka iindwendwe phambili ngegowuli lakhe kwimizuzu emibini emva kokuphumla, iRise and Shine ifumene imbuyekezo xa uGiven Mashikinya efumene inqaku kwimizuzu engamashumi amathandathu anesithathu.

Esi siphumo sishiye iCity ikwindawo yesibhozo kuluhlu lweDStv Premiership ngamanqaku angamashumi amathathu anesine kwimidlalo engamashumi amabini anesine – ngamanqaku amathandathu ishiya iOrlando Pirates ekwindawo yesithathu.

IPolokwane yona inyukele kumanqaku angama-30 kwindawo yeshumi elinanye.

Kwenye indawo, iStellenbosch igcine intshinga yayo yokungabethwa ngo 2-1 emva kokuphumelela idlala neTS Galaxy ngeCawe.

ULehlohonolo Mojela uvule igowuli kwiGalaxy eMbombela Stadium ngemizuzu engamashumi amane ananye. Kodwa amanqaku kaFawaaz Basadien (53′) kunye no-Andre de Jong (61′) abone uStellies ebanga impumelelo ukuhambisa amanqaku amathathu ngaphezulu kwePirates kwindawo yesibini.

Iqela laseCape Winelands ngoku alikabethwa kwimidlalo elishumi elinesithandathu, logama iRockets idlale imidlalo emine ingabethwanga ifikelele esiphelweni ukuze iyishiye kwindawo yesithandathu ngamanqaku angamashumi amathathu anesine kwimidlalo engamashumi amabini anesibini.