DStv PremiershipEzintsha

IKaizer Chiefs nesibhengezo esibalulekileyo ngoKhune


Nanjengoko eli qela lijonge ukubulela abalandeli ngenkxaso yabo ngokuthi bagqibe isizini bekwizinga eliphezulu, abalandeli beKaizer Chiefs banesinye isizathu esibambekayo sokugxalathelana ukuya eFNB Stadium ngoMgqibelo.

IKaizer Chiefs iza kudlala umdlalo wayo wokugqibela ekhaya kule sizini xa iqubisana nePolokwane City kweli bala ngoMgqibelo ngentsimbi yesithathu emva kwemini.

Kodwa ngaphandle komdlalo wokugqibela wasekhaya, iChiefs iza kubulela nonozinti wayo u-Itumeleng Khune osele egqibe iminyaka engamashumi amabini anesihlanu kweli qela.

“UKhune, umseki webhola ekhatywayo eMzantsi Afrika, ebeyintsika yamandla kwiKaizer Chiefs iminyaka engaphaya kwamashumi amabini,” ibhale phantsi ingxelo yeli qela.

“Ufike esengumntwana esuka eVentersdorp, eMntla Ntshona, ngo-1999. UKhune uqale kwiKaizer Chiefs academy phambi kokunyuselwa kwiqela elikhulu ekuqaleni kwesizini ka-2004/05.

“UKhune uchithe iminyaka emihlanu edlala kuphuhliso lweqela lwabadlali kwaye ngoku ukwisizini yakhe yamashumi amabini esenza imbali kwiqela elikhulu.

Eli qela, nelona linabalandeli abaninzi kwibhola ekhatywayo yeli, libongoze abalandeli ukuba baphume ngobuninzi babo ukuza kubulela kwaye bathi ndlela ntle kuKhune.

“Abalandeli baseGauteng nabasuka kwiindawo ezikude abangakwaziyo ukuza ngobuninzi babo bayakhuthazwa ukuba babonakalise ukulithakazelela igalelo likaKhune…

“Umdlalo nePolokwane City awuzuba ngumdlalo obalulekileyo kuphela kwiKaizer Chiefs, njengoko inamanqaku amathathu abalulekileyo, kodwa izakuba ngumzuzu obuhlungu kubalandeli ukubhiyozela umsebenzi wegqala lokwenene.”

Nangona kunjalo, eli qela alikhange lidize ukuba oku kuthetha ukuba lo nozinti oneminyaka engamashumi amathathu anesithandathu ngoku uzakubeka iintambo phantsi ebholeni.

Kwaye nokuba uyalishiya iqela okanye uzakunikwa esinye isikhundla mhlawumbi kuya kuviwa ngomhla womdlalo ngoMgqibelo.