DStv PremiershipEzintsha

Unozinti wePirates uphinde waqweqwediswa waxhilwa

Unozinti we-Orlando Pirates uMelusi Buthelezi uqweqwediswe zizikrelemqa ngoLwesine ebusuku eThokoza eKurhuleni,eGawutini.

Abasondeleyo neli tyala bathi unozinti lo uthinjiwe.Abasemagunyeni basebenzela ukufumana abaqweqwedisi kwaye bafumane ngokukhuselekileyo umdlali.

UButhelezi ebeqhuba imoto engwevu yakwaVW ebhalwe HW24NRGP.Lo mgcinizipali ufike kwiPirates ekuqaleni kwesizini ka-2023/24 yeDStv Premiership emva kokujoyina iBuccaneers esuka kwiTS Galaxy.

Lo mdlali oneminyaka engama-25 ubudala ufumene ithuba lokuzazisa kwiqela emva kokwenzakala kukaSipho Chaine kunyaka ophelileyo.

Ayikokuqala uButhelezi ehlelwa sesisihelegu sokubanjwa axhwile. Ngethuba edlalela iGalaxy uButhelezi waba lixhoba lokuxhwilwa ngethuba ehamba nomntakwabo nalapho wathi wahlatywa ngo-2022.