
Zabelane ngamanqaku eFNB Stadium
IKaizer Chiefs idlale ngokulingana ngo 0-0 neMoroka Swallows kumdlalo weDstv Premiership kwiSoweto Derby obubanjelwe eFNB Stadium ngorhatya ngoMgqibelo.
Isiqingatha sokuqala sibonakalise ukuba ngumdlalo onzima nobungekho kumgangatho ophezulu.
IChiefs ilawule umdlalo njengoko beyidlala neSwallows eneqela elitshintshe kakhulu eliphulukene nabadlali abafana no-Keagan Allan,Andile Jali kwakunye noTsegofatso Mabasa.
Ithuba elicacileyo livele ngethuba inqaku lika-Ashely Du Preez libetha uDaniel Akpeyi kodwa alabalwa kuba uDu Preez ubekwindawo ephambili kunabanye (offside).
Kwisiqingatha sesibini, iChiefs iphume ineenjongo ezithe xhaxhe kwaye ilangazelela ukuyihambisa ngokukhawuleza ibhola, into ebingekho kwimidlalo yakutshanje.
Kodwa lo mlolo ikhawuleze waphela njengoko uGabadinho Mhango ebaleka echwechwe ikuyofaka inqaku nalapho uDove Edmilson wamvala ngokungekho mthethweni wafumana ikhadi elibomvu kwimizuzu emibini kuqale isiqingatha sesibini.
Emva kwemizuzu elishumi umdlalo uye wanqunyanyiswa ngenxa yemvula kunye nombane, obangele abadlali baphume ebaleni iyure yonke.
UBruce Bvuma uvale inqaku sekumnyama kubonakala ukuba iDube Birds zihamba namanqaku amathathu kodwa uBvuma wathi hayi ndikhona.
AMakhosi ahlulekile ukuvala indawo yesibini kwaye bohlulekile ukufaka amanqaku kusekela emva kwekhefu lendebe ye-AFCON. Abafakanga mamqaku bedlala neRoyal AM,Milford neSwallows.
IChiefs ihleli kwindawo yesithandathu ,isemva ngamanqaku amahlanu kwiCape Town City ekwindawo yesibini kunye nalishumi elinesithandathu kwiMamelodi Sundowns esele inemidlalo emibini esandleni.
Kusenjalo, iSwallows kaMusa Nyatama ikwindawo yeshumi elinesithathu, kwaye ikwindawo emtybilizi.
