DStv PremiershipEzintsha

ISundowns ilinyalelwe ngabadlali beBafana

 IMamelodi Sundowns ijongene negxakana yabadlali beBafana Bafana  njengoko kulindeleke ukuba idlale ne-Orlando Pirates .

 Abadlali beSundowns kulindeleke ukuba bangabikho xa izakuba idlala nePirates kumdlalo weDSTV Premiership ngoMgqibelo ebusuku.

 IBrazilians bezinabadlali abalithoba kwiqela lesizwe ebelidlala kwimidlalo yamazwe ngamazwe e-Africa( Africa Cup of Nations) nalapho babuya nembasa yebronze .

 Umqeqeshi weDowns uRulani Mokwena ucinga ukunika ikhefu abo bebedlala imidlalo emininzi  kwi-AFCON. 

Ubuye wathetha nanjemiceli mingeni yokulawula abadlali abathe bahamba ixesha elingaphezulu kwenyanga.

 “Ngabadlali beBafana sineengxalabo ezimbalwa,ukubona abadlali abambalwa bebuya benzakale – kusenokulibaziseka ukubuya kwabo. 

“Abadlali badlala  imidlalo emalunga nama-30 kwiinyanga ezintlanu kwiSundowns kwaye bongeze eminye imidlalo emihlanu  eyongezelelweyo yokuhlungela iNdebe yeHlabathi, ngoko ke uthetha malunga nemidlalo esondelelene kumashumi amathathu anesihlanu ukuya kuma-40 kwiinyanga ezintlanu,’’ utshilo uMokwena.

 Unozinti uRonwen Williams, abadlali basemva uKhuliso Mudau,Aubrey Modiba,Mothobi Mvala abadlali basesiswini uTeboho Mokoena noThemba Zwane bebesetyenziswa ngumqeqeshi weBafana uHugo Broos kuyo yonke imidlalo yabo.

 Abanye abadlali abathathu uGrant Kekana, uThapelo Maseko noThapelo Morena khange bahambe umgama omde ongako. 

“Le meko ifuna ubuchule beqela loogqirha.’’ Uqhubeke washo uMokwena

 “Ifuna ukuqwalaselwa ngelihlo lokhozi imeko yabo. Sinexhala ngoMothobi,uMaseko,uMshishi,Tebogo,noMudau ngoku kufuneka baqale babuyele kwisimo sabo sangaphambili,’’ wongeze watsho uMokwena.

 Lo mqeqeshi weDowns ufuna ukulungisa isimo sengqondo sabadlali abebekwi-AFCON ngelixa edize ukuba uWilliams usenokungakulungeli ukujongana nePirates.

 “Kufane bakhuphe uxinzelelo  kunye noxinzelelo lwetumente abasuka kuyo. Ngokwengqondo kufuneka kubekho umsebenzi owenziwayo kunye nokuhlaziywa kwengqondo. 

“Sinekxalalabo ngegxalaba likaWilliams kodwa sizakubona ethubeni,’’ kuvala uMokwena.

 Umqeqeshi ujonge ukusebenzisa  kwaye axhomekeke kudlali abatsha abatyikitye  ngoJanuwari. 

Abahlaseli uTashreen Matthews noMathias Esquivel bazafuna  ixesha elongeziweyo lokuziqhelanisa neqela ngelixa uZuko Mdunyelwa kwakunye nomdlali wasesiswini noThembinkosi Lorch bangadlala indima kumdlalo nePirates