
Ayifikanga igalalekile iVAR kwiPremier Soccer League
Lukanyo Tshitshi
Ubuchwephetshe be-Video Assissant Referee (VAR) bulindileke ukuba buphunyezwe eMzantsi Afrika kwiDstv Premier Soccer League kwezinyanga ezizayo.
Ngokokutsho kukasihlalo we-National Referee committe (NRC), uVictor Gomes, obubuchwephetshe buncedisana nonompempe bulindeleke ukuba bumiliselwe ngokusesikweni eMzansi Afrika kwiiveki okanye iinyanga ezizayo.
Ezindaba ziza emva komtyhutyhe wezijwili zezikhalazo zabaqeqeshi, abadlali kunye nabalandeli bekhalaza ngendlela osompempe beDstv Premiership abayiphatha ngayo imidlalo besenza impazamo ezingenasiphelo.
Ethetha nonondaba kumnyadala weCOSAFA wembasa obubanjelwe eGawutini ngoLwesine, uGomes uvakalise ukuba amanyathelo wokuphumezwa kwe-VAR eMzansi Afrika sele ethathiwe kwaye kukufitshane phambili ngoku.
“Besinentlanganiso mva nje kwaye ndiyazi ukuba isendleleni ngoku.
“Ngoku siqhubela phambili ngokukhawuleza. Ngoku sihleli ngeendleko ezithile zohlahlo lwabiwo-mali kwezi veki zimbini zizayo, kwaye yindlela esikude ngayo,” utshilo uGomes.
Ephendula umbuzo woba uMzantsi Afrika, nebhodi yebhola ekhatywayo nosompempe ingaba bakulindele kusini na ukusebenzisa ububuchwephetsha ngendlela eyiyo nanjengoko bembalwa osompempe abakwaziyo ubusebenzisa obubuchwephetshe.
LokaGomes uchaze wenjenje, “I-VAR likamva lebhola ekhatywayo, izakunceda iPSL nayo nayiphi na iligi ehlabathini. I-VAR ilapha ukuhlala, umbuzo obalaseleyo – hayi, asikalungeli.
“Kodwa yinkqubo, sikulungele ukuqalisa uqeqesho. Into esifuna ukuyenza, asifuni kungxamela into ethile kwaye siyiphazame.
“Sifuna ukuyingenisa kwaye siyenze ngokuchanekileyo, ukuze wonke umntu ayithembe.
“Njengomntu osele suka kuba ngusompempe, uGomes, kwinyaka ezidlulile uvelise ukuba obubuchwephetshe abungekhe busebenze eMzansi Afrika.
Xeshikeni ethetha noRobert Marawa kwinkqubo kanomathololo yezimidlalo iMarawa Sports Worldwide, eligqala lika sompempe latyatyadula lathi:”Ndingakuxelela ngoku ukuba njengosihlalo weKomiti yoosompempe eMzantsi Afrika, thina asikho ekukhanyeni [lungelanga] kweVAR.”
Kodwa ngoku izinto zibonakala ngathi zime ngokohlobo kwaye kwisizini ka2024/25 singayibona iVAR isetyenziswa eMzansi Afrika.
