
ISupersport ijonge ukomeleza uhlaselo lwabo ngokutyikitya ifolosi yeSwallows
Lukanyo Tshitshi
ISuperSport United sele iqalisa ukulungiselela isizini ezayo ka-2024/25 ejongwe ngamehlo abovu ngabalandeli bebhola ekhatywayo nanjengoko amaqela amaninzi ajonge ukucela umngeni iMamelodi Sundowns ekudala yongamele kwiPremier Soccer League (PSL) iphumelela i-DStv prwiemiership izihlandlo ezisixhenxe zilandelelana.
Ngokwengxelo yephephandaba iThe Citizen, aMatsatsantsa a Pitori aceba ukukhweba umdlali wangaphambili weMoroka Swallows noyinzwalelwane yase-Malawi, uGabadinho Mhango.
UMhango usekwisivumelwano neSwallows ezisakuphela kunyaka ozayo ngoJune kodwa oko kubonakala ngathi akuzixaba endleleni yaMatsatsantsa yokutyikitya uMhango nganjengoko naye ebonakalise ukunqwena ukuwelela eTshwane.
Ngokokutsho komthombo, uMhango ufuna ukuzishiya iDube Birds zaseSoweto awelele eTshwane apho azokudlala phantsi kukaGavin Hunt nosele esuka ukudlala phantsi kwakhe kwiBidvest Wits phambi kokuba atyikitye neqela le-Orlando Pirates ngo-2019.
“UMhango sele eyixelele iSwallows ukuba ufuna ukuhamba. Inxalenye yesivumelwano sokubuyela kwakhe kwiqela yayikukuba avunyelwe ukuba ahambe ekupheleni kwesizini ukuba kukho isithembiso sakhe. Kwaye ngoku kukho umdla kwiSuperSport, ufuna ukuya phaya adibane no(Gavin) Hunt,” umthombo uxelele iTheCitizen.
UMhango ebeyinxalenye yabadlali abathe baphinda batyikitywa yiSwallows emva kokugxothwa kwabo kunyaka ophelileyo emva kokungafuni ukudlala imidlalo yeDstv Premiership emibini.
Iingxelo ezalandela emva kwesosiganeko zavakalisa ukuba unobangela wokugwayimba kwabadlali yayikuba bengebhatalwanga umrholo wabo inyanga ezimbini liqela.
Phantsi komqeqeshi uMusa Nyathama kwiDube Birds, uMhango udlale imidlalo emangashumi mabini anesibhozo kulo lonke ukuphiswano wafaka amangqaku asibhozo wancedisa isihlandlo sasinye.
