
Isendaweni emtyibilizi i-Arrows
ISekhukhune United ifumene inqaku ngemizuzu yokugqibela ngelixa ibetha iGolden Arrowsn ngo 1-0 kumdlalo weDStv Premiership obubanjelwe eMpumalanga Stadium ngorhatya lwangoLwesithathu.
U-Elias Mokwana ufake inqaku ngemizuzu yokugqibela nokwenza yabeka iBabina Noko kumaqela asibhozo aphezulu kwiDstv.
Abafana Besthende abenzi kakuhle kakhulu yaye basendaweni emtyibilizi kwiligi njengoko behleli kwindayo yeshumi.
I-Arrows iwafumene amathuba kodwa lo mathuba lawa awazange aphazamise unozinti weSekhukhune uBadra Sangare.
UNyiko Mobbie ufumene ithube umdlalo Uganda kuqala kodwa iinzame zakhe aziphunzanga njengoko ibhola yakhe iye yabanjwa nguSifiso Mlungwana ongumgcini-zipali kwi-Arrows.
Umdlalo ububonakala uzakuphela zintanganye kodwa iSekhukhune ifake inqaku ngexesha elongeziweyo ngethuba uDaniel Cardoso efaka ibhola nethe yafumana uMokwana wayivalela phakathi.
Kumdlalo olandelayo i-Arrows idlala umdlalo weligi ngomhla wesihlana kuMarch nalapho izakuqubisana neKaizer Cheifs eGoli,ngelixa iSekhukhune izakuthathana neRoyal AM ngosuku olulandelayo.
Komnye umdlalo iCape Town City idlale ntangane 1 – 1 neSuperSport United apho uKhanyisa Mayo noLyle Lakay befake amanqaku.

