
UBroos uthetha ngemiba eyamenza waphanse washiya kwiBafana kwaye ufuna intlanganiso nosihlalo weligi
Umqeqeshi weBafana Bafana, u-Hugo Broos, ukhumbule indlela agibisela ngayo umonganeli weSAFA uGqirha Danny Jordaan emxelela ukuba emva kwe-Africa Cupnof Nations ungomkileyo.
UBroos ukhokhele iBafana kwimbasa yayo yokuqala kwiminhaka engama-24 kwaye ubuyisele ukuzithemba nokuzingca kweqela lesizwe emva kokubetha iDR Congo kukhatywa iipenalthi ikuze aphumelele imbasa yobhedu (bronze).
Nokuba abantu abaninzi beyincome lenkonde eyinzalelwano yaseBelgium ngempumelelw yakhe ,uBroos ngokwakhe wayefuna ukurhoxa kwisikhundla sokukhokhela iqela lesizwe.
“Ndibe nencoko nomongameli – ngoMgqibelo, sadlala umdlalo wokulwela indawo yesithathu saza ngeCawe sisehotele ndenza idinga nomongameli ndathi ‘jonga ndifuna ukuyeka’,” ubeke ngoluhlobo kwi-podcast kaFrank & Franky.
“Ndicinga ukuba ebenethamsanqa lokuba ebehleli phantsi, kungenjalo ebeya kuwa.”Ndithe, ‘Andifuni ukuva ukugxekwa endikufumene apha kule minyaka mibini idlulileyo kwakhona’. Ngoku, yonke into ilungile. Kodwa ngoMatshi sinemidlalo yobuuhlobo kwaye ukuba siyaphoxa, kuzakuqala ukugxekwa kwakhona.
“Kwaye, ndindedwa eMzantsi Afrika. Usapho lwam luseBelgium. Andisayi kuphinda ndiyenze loo nto, iinyanga ezimbini ezinesiqingatha ndingekho. Kodwa kuninzi, ngakumbi xa unabazukulwana ke kuba kubi.
“Ngenyanga kaCanzibe, siqalile ukuzilungiselela, besisenemidlalo yobuhlobo kunye nemidlalo emibini yokuhlungela iNdebe yeHlabathi emva koko namalungiselelo e-AFCON.
“Iligi ibicwangciselwe kude kube nge-31 kaDisemba. Ndiye ndagqiba kwelokuba ndibhalele i-CEO yeligi ukuba ndicele ukuyeka emva kweKrisimesi kwaye akukho mpendulo.
Kuthe xa kuphuma uluhlu lwemidlalo into yokuqala endiyijongileyo kukuba bazakuyeka nini kwaye ndafumana ukuba bazokuvala xa kuphela uDecember.
“Ndibhale enye ileta ndicacisa ukuba abadlali beSundowns badlala kukhuphiswano oluninzi, bafuna ikhefu phambi kwe-AFCON. Emva kweentsuku ezili-14 sifumana impendulo, iqala ngokuthi ‘sixhasa iBafana Bafana nomqeqeshi, kodwa asikwazanga ukuyitshintsha ngenxa yabaxhasi’.
“Bakwathe bayixoxa naye wonke umntu, into engeyonyani kwaphela.
“U-Broos uye wakhumbula indlela awayengavunyelwa ngayo ukuba aye e-Orlando Stadium izihlandlo ezininzi, esithi wanqunyanyiswa ngokomyalelo kasihlalo wePirates no-Irvin Khoza, ngaphambi kokuba achaze ukuba waxelela uJordaan ukuba akanakuqhubeka nokusebenza ngolu hlobo kwaye ufuna indibano noGqirha Khoza.
Ndimxelele umongameli, andinakusebenza ngolu hlobo. Ndifuna indibano nosihlalo weligi,” uqhube watsho.
“Usihlalo uthembisile ukuba iza kwenzeka kwiiveki ezizayo, kwaye siza kubona. Kodwa injongo yayikukuyeka (kwiBafana).
Besendixelele wonke umntu endisebenza naye ukuba phambi komdlalo weCongo ukuba inoba ngumdlalo wam wokugqibela.
“Sivumelene nosihlalo ukuba andizukuphinda ndihlale ixesha elide kodwa into encinci ebonisa ukuba abahambisani nesixelo Sam ndisendleleni egodukayo. Siza kubona ukuba kwenzeka ntoni kwintlanganiso kunye neligi.
“Xa ebuzwa ukuba usenguye na umqeqeshi weqela lesizwe okwangoku, uBroos uqinisekise ukuba akakanikezeli usengumqeqeshi.
