DStv PremiershipEzintsha

I-Arrows ibize uKhompela ukuzobahlangula kwinqanawa ezikayo

Ubuya okwesibini kwiGolden Arrows uSteve Komphela emva kokubhengezwa njengomqeqeshi omtsha kweliqela.

UKomphela uthatha iintambo zokuqeqesha emva kokuqhuba kakubi kweqela phantsi komqeqeshi oyintloko uMabhuti Khenyeza.

Iqela laseKZN, eliqeqeshwa nguKhenyeza, lizibone likwimeko emaxongo. Banyamezele ukubethwa kalishumi elinanye kulo lonke ukhuphiswano, bagqibela ukuphumelela umdlalo ngo-Oktobha ka-2023 xa babedlala neKaizer Chiefs kumdlalo weDstv Premiership 

Ngoku i-Arrows ikwindawo yeshumi elinesibini kwiDstv  ngamanqaku angamashumi amabini anesithathu kwimidlalo elishumi elinethoba. Oku kwenzeka nangona iqale kakuhle isizini ebabone bafikelela kwindawo yesibini.

“ILamontville Golden Arrows yamkela umqeqeshi uSteve Komphela, oqhelene nezithethe nenkcubebo yeqela,” kubhengeze iqela.

“Sijonge phambili kulwazi kunye nesikhokelo sakhe njengoko sifuna ukugqiba isizini sisendaweni entle. Wamkelekile kwakhona, Steve.”

IGolden Arrows ibhengeze utshintsho lwabaqeqeshi kubuya uSteve Komphela ukuba athathe iintambo. Intlelo zamva zinokumenza uKhenyeza abe ngusekela mqeqeshi.

Le ndedeba eneminyaka engama-56 akasolundwendwe kwi-Arrows. Sisihlandlo sesibini ebuya kubafana Besthende njengoko wabamba iintambo kwisizini ka-2019/2010. Kulo sizini iArrows yabamba indawo yeshumi elinesibini phambi kokuba adlulela kwiMamelodi Sundowns.  Uchithe iisizini ezintathu kuMasandawana phambi kokufudukela kwiMoroka Swallows ekuqaleni kwale sizini. 

Umsebenzi wakhe wokuqala kukukhokhela Abafana Besthende xa bedlala nePolokwane City ngeCawe.