
UMbuzi ushiyile kwiTS Galaxy
Owayesakudlalela iBanyana Banyana uMpumi “Mbuzi” Nyandeni ushiyele kwiqela lakhe elidlala kwiHollywoodbets Super League,iTS Galaxy Queens.
Lo makade ebona ebholeni oneminyaka engama-36 ubudala wayesakudlalela iWFC Rossiyanka yaseRussia ngaphambi kokuba abuyele eMzantsi Afrika, apho yajoyina iJVW Girls Football Development.
UNyandeni uye wamela iqela lesizwe labasetyhini lebhola ekhatywayo loMzantsi Afrika izihlandlo ezili-149, kuquka nee-Olimpiki ngo-2012 nango-2016.
UMbuzi ubhengeze ukushyta kwiqela lakhe kumakhasi akhe onxibelelwano.
“Kulusizi olukhulu ukubhengeza ukuhamba kwam kwiTS Galaxy Ladies FC. Ndibamba ngazibini ngeenkumbulo ezimnandi endizenzileyo kubadlali, ndiyabulela ngenkxaso yeqela ngokunjalo nethuba elivela kooSihlalo bobabini beqela . Ndizakuhlala ndilixabisa ixesha lam eqeleni kwaye ndilinqwenelela okuhle kodwa iqela kule sizini.

