
IChiefs inike imbeko kumdlalo wabo ongasekhoyo
IKaizer Chiefs inike imbeko kumdlali wasemva ongasekhoyo uLuke Fluers ngenjikalanga yangoLwesine eNaturena.
Eli qela libambe umzuzwana wokuthula kunye nomthandazo wokukhumbula owayesakuba ngumdlali weSuperSport United
IChiefs ikhathazekile ngokuphulukana nomdlali wasemva osemtsha kwaye kulindeleke badlale umdlalo weDStv Premiership neChippa United ngoMgqibelo.
Umzantsi Afrika ugqejwe iduma elingophiyo ngoLwesithathu ngethuba lo mdlali oneminyaka engama-24 ubudala wadutyulwa wabhubha ngethuba kuqweqwediswa imoto eRhawutini.
UFleurs, umdlali wasemva oselula onesiphiwo, ujoyine Amakhosi ngo-Okthobha kodwa ebengekaqali ukudlala. Abalandeli, abadlali beqela, kunye nemibutho yezemidlalo kuMzantsi Afrika uphela baye baphalaza imbeko.
I-PSL iqinisekise ngoLwesine ukuba kuzakubakho umzuzu wokuthula ukuhlonipha iFleurs kuyo yonke imidlalo yeligi kule mpelaveki. Kodwa bekukho imibuzo malunga nokuba ungquzulwano lweChiefs neChilli Boys luza kuqhubeka kusini na.
Kubonakala ukuba undlalo uzakuqhubekeka . Amakhosi kulindeleke ukuba aye eMonti ngoLwesihlanu. Lo mdlalo kulindeleke uqale emva kwemini ngoMgqibelo eBuffalo City Stadium.
Emva kokuwongwa ngokweemvakalelo, iqela laMakhosi liye latshintshela kuqeqesho. Amakhosi azakuba nethemba lokuwonga inkumbulo kaFleurs ngokudlala kakuhle eMonti.
Baphuma kumdlalo weStellenbosch FC apho babethwa ngo 1-0, iziphumo ezize emva komnye umdlalo ongancumisiyo weCape Town City FC.
IChiefs ijonge ukugqibezela isizini kakuhle njengoko isondela kwishumi leminyaka ngaphandle kwesilivere.
