DStv PremiershipEzintsha

IPirates iphanda abadlali ababonakale kumakhasi onxibelelwano bexoxa ngokubheja

Abadlali be-Orlando Pirates ababonakale kwividiyo bexoxa ngokubheja kumdlalo we-English Premier League baphantse babandakanyeka kwityala elibi elinokubagxothisa kwibhola ekhatywayo.

Umdlali obonakale kakhulu kule vidiyo isasazeke kumakhasi onxibelelwano ngunozinti uSipho Chaine obexoxa ngokubheja kumdlalo weManchester United ne-Arsenal.

Uxoxisana nabanye abadlali malunga nokuba ngubani oza kuphumelela lo mdlalo kwaye abanye bathi makabeke imali kwaye abheje ngoku.

Uthi ke ukuba angafaka imali engakanani, angayifumana malini.

Ngokwemigaqo elawula ibhola ekhatywayo, abadlali abavumelekanga ukuba babheje nokuba babheje kwiligi abangadlali kuyo.

Le vidiyo ibangele uchuku kwaye i-Orlando Pirates ikhuphe ingxelo ecacisa ukuba aba badlali bebezithethela nje kwaye bayazi ukuba abavumelekanga ukuba babheje.

“Iqela libone ividiyo ejikeleza kumakhasi onxibelelwano ebonisa abadlali bethu ababini bexoxa ngokubheja.

“Singathanda ukucacisa ukuba abadlali abakule vidiyo abazange babheje,” itshilo ingxelo yePirates.

“Le vidiyo ibonisa umzuzwana wokuqhula phakathi kwabadlali beqela abebengazimiselanga ukubheja kulo mdlalo we-English Premiership.

“Njengeklabhu, siyayazi ngokupheleleyo imithetho emalunga nokubheja.

“Ukubheja kuwo nawuphi na umdlalo kuthintelwe ngokungqongqo kuye nawuphi na umdlali oqeqeshiweyo.

“Nangona kunjalo, sikhe sathetha ngalo mba nabadlali ababandakanyekayo, sagxininisa ukuba nokuba kubanjwe iingxoxo ezifana nezi, zinokuba neziphumo ezibi.

“Iqela ligxininise ukubaluleka kokuthobela imithetho yokubheja ukunqanda naziphi na iziphumo zexesha elide ezinokubakho.

“Abadlali bayayibona impazamo yabo kwaye baxolisile.

“Nangona kunjalo, ngenxa yobuzaza balo mba, iqela liseke olwalo uphando lwangaphakathi.

“Oku kukuqinisekisa ukuba akukho mdlali ubandakanyeka kulo naluphi na uhlobo lokubheja kwezemidlalo njengoko oku kuya kuba kukwaphulwa kwencwadi yeqela esayinwa ngabo bonke abadlali.”

Ukuba umdlali ufunyenwe ebheja kwiqela, unokugxothwa ngokwaphula lo mgaqo ubalulekileyo.