
Sel’engu ‘Gqirha’ noDesree Ellis weBanyana
IYunivesithi yezoBuchwepheshe eNtshona Koloni iCape Peninsula University of Technology imwonge ngesidanga sembeko umqeqeshi waBanyana Banyana, uDesiree Ellis.
Ngeli xesha lonyaka, abantu abaninzi banxiba iidyasi, kwaye babonakala kwimidiya yoluntu bevuya.
U-Ellis, ophumelele intshinga yeWomen’s Africa Cup of Nations neBanyana Banyana, wabuya wophuma kwiLast 16 yeNdebe yeHlabathi ka-2023, ebibanjelwe eNew Zealand nase-Australia.
IBanyana iqhuba kakuhle kakhulu phantsi kuka-Ellis, nangona isandula kusilela ukuzibekela indawo kwi-Olimpiki, eza kubanjelwa eParis ekupheleni kwalo nyaka.
Ibethwe yiNigeria ngo 1-0 kwimidlalo yokugqibela yokuzibekela indawo.
Kutshanje, bekukho umbhodamo malunga nokuwongwa kwesithixo somdlali, uSello Maake KaNcube, ngesidanga sobugqirha.
Lo mlingisi ebekumakhasi onxibelelwano emva kokuwongwa yiTrinity International Bible University, kwiiveki ezimbalwa ezidlulileyo.
Nangona kunjalo, kukho uphando olwenziwa nguMphathiswa wezeMfundo eMzantsi Afrika, uBlade Nzimande, nodize ukuba le yunivesithi ayinayo imvume yokwenza oko.
“Besikhe sabhalela iTrinity International Bible University ngaphambili, sibalumkisa ngokuqhubeka nokusebenza ngokungekho mthethweni,” ucatshulwe watsho uNzimande.
“Sikwacele neBhunga lezeMfundo ePhakamileyo ukuba lisikhokele ukuba zikhutshwa njani kwaye kubani izidanga zentlonipho ebantwini.
Omnye osanda kuwongwa ngewonga lamaQhawekazi, uShauwn “MaMkhize” Mkhize ongusihlalo weRoyal AM, ngegalelo lakhe njengengowasetyhini ogqwesileyo kwezeMidlalo.
