DStv PremiershipEzintsha

UMokwena urhanela ukuba ulinyazwe ngabom uZungu

Umqeqeshi weMamelodi Sundowns, uRulani Mokwena, urhanela ukuba wonzakeliswe ngabomu uBongani Zungu ukuze iqela liziphindisele ngokwenza ngaphambili.

Ukutsho oku emva kokuba iqela lakhe libethe iTS Galaxy ngo’3-0 kumdlalo weDStv Premiership, eLoftus Stadium ePitoli, ngoMvulo ebusuku.

“Ndiphoxekile kukungaqhubi kakuhle kukaBongani Zungu,” utshilo uMokwena.

“Izolo umqeqeshi weqela ebesidlala nalo ubonise abadlali bakhe ividiyo yokwenzakala kukaParker wathi ‘ningayilibali into eyenzeke kuParker.

Ezi zizityholo ezinobuzaza kwaye ziza kubangela umsindo kuMokwena noSead Ramovic abasoloko bexambulisana.

Ephendula, umqeqeshi weTS Galaxy, uSead Ramavic, uthe: “Ndisafuna ukuwujonga kakuhle lo mba…

“Nangona kunjalo, andifuni kuziphendula izinto azithethileyo (uRulani Mokwena). Ndazixelela nje ukuba andifuni kuthetha naye.”

ISundowns iqale umdlalo njengesiqhelo, icinezela iindwendwe kwimizuzu yokuqala yomdlalo.

Igowuli lide laphuma kuPeter Shalulile ngomzuzu wamashumi amabini anesithandathu. UShalulile uphinde wafaka elinye igowuli ngomzuzu wamashumi amathathu anesihlanu ukuze kube ngu’2-0.

Ngelo xesha, izinto zazingahambi kakuhle kwiRocket.

Ngomzuzu wamashumi amathandathu anesine, uThembinkosi Lorch, ongene endaweni kaTashreeq Matthews kwisiqingatha sesibini, ufake igowuli lesithathu leSundowns.

Kuthe xa kucaca ukuba iRockets, ebifumana ubunzima ekufikeleleni kwiinjongo zeSundowns, ingcwatywe iphila.

Ngomzuzu wamashumi asibhozo anesihlanu u-Orebotse Mongai ufumene ikhadi elibomvu ngokudlala kakubi uZungu.

Lo mdlali ukhutshiwe ngekhadi elibomvu akabuya, lo nto ibangele ukuba amaqela agqibe umdlalo kushiyeke abadlali abalishumi. ISundowns ibisele igqibile ukubhala ibambela layo ngethuba konzakala uZungu.

Kulo mdlalo, uBernard Parker ubonakale edlala okokuqala emva kokwenzakala kumdlalo apho waye walinyazwa nguZungu phakathi kwalamaqela ngo-Okthobha wonyaka ophelileyo.

IRockets ifumene ipenela ngemizuzu yokugqibela  kwaye yathathwa nguParker ngokwakhe kodwa uRonwen Williams wayibamba.

Ukuphumelela kweSundowns kuthetha ukuba ishiyeke ngamanqaku amathathu kuphela ukuze iphumelele intshinga yeligi isihlandlo sesixhenxe ilandelelana.

Phofu, iSundowns inokuba ziintshatsheli ingadlalanga ukuba iStellenbosch FC ingabethwa yiLamontville Golden Arrows ngoLwesithathu.

Kumdlalo olandelayo, iSundowns iza kudibana neKaizer Chiefs eFNB Stadium, ngoLwesine.