
Umqeqeshi ogqwesileyo wesizini izakuba ndim- Mokwena
Umqeqeshi weMamelodi Sundowns, uRulani Mokwena, uthethe umba onzima wokuba kutheni kufuneka anikwe iwonga lokuba ngumqeqeshi wesizini.
Lo mcebisi weBrazilians ubuzwe ukuba ngubani acinga ukuba ufanelwe liwonga njengoko iDStv Premiership isondela esiphelweni.
UMokwena, ngaphandle kokuthandabuza, wagxininisa ukuba izakuba nguye.
“Umqeqeshi wesizini izakuba ndim, yinto endiyicingayo leyo. Ndicinga ukuba umqeqeshi wesizini kufuneka abe ngumqeqeshi ophumelele iligi kodwa andikwazi ukuncoma kakhulu umsebenzi awenzileyo uSteve Barker. Ufanelwe kunconywa ngendlela engakholelekiyo ngomsebenzi awenzileyo kwiStellenbosch,” utshilo uMokwena.
ISundowns isonge intshinga yeligi kushiyeke imidlalo esixhenxe kwaye uMokwena sele egqithile kumanqaku angamashumi asixhenxe ananye kaPitso Mosimane kwisizini enye.
Uye wawuncoma nomsebenzi owenziwe nguJose Riverio we-Orlando Pirates .
“Nabanye oogxa bam abaninzi, ndithetha ukuba bekukho umsebenzi omhle kakhulu osele wenziwe. UJose Riveiro wePirates wenze umsebenzi omhle kakhulu kodwa ngaphandle kokuvakala ngathi ndinekratshi, ngokokubona kwam umqeqeshi weSizini iyakuba ndim, ngokuqinisekileyo. Andithandabuzi ngayo,” utshilo uMokwena.
Ugxa wakhe weStellenbosch FC uSteve Barker uvumilana noMokwena.
“URulani wenze umsebenzi omhle kakhulu, ngamanqaku angamashumi amabini anesibini phambi kwethu kwaye banomdlalo esandleni, kumfanele ukugcina iqela eliphumeleleyo liphumelele njengokuba ubutshilo akukho lula, intlonipho endinayo kuye nakwiSundowns. kukuba nangona bephumelele kakhulu basafuna ukuphumelela ngaphezulu,” utshilo uBarker.
