
I-SAFA iza kuthatha amanyathelo ngamaqela abandakanyeka kungquzulwano kumdlalo weHollywoodbets Super League
Uphoxekile umbutho webhola ekhatywayo eMzantsi Afrika bubundlobongela obubonakaliswe ngabadlali kumdlalo weHollywoodbets Super League obuphakathi kweRoyal AM neLindelani Ladies ePrincess Magogo Stadium, KwaMashu.
Into ebifanele ukuba yi-derby yaseKZN ekonwabisayo kwibhola ekhatywayo yabasetyhini, ibonakale ibeka isidima kumdlalo wamanina esichengeni.
ISafa ifumene ingxelo yeeMatch Commissioners kulandela isehlo senzeke ngqo kuSABC 1.
Ingxelo yooSompempe nayo iya kuphononongwa phambi kokuba amaqela amabini abizelwe kwingxoxo yoLuleko. Oku emva komlo oqhamuke ebaleni kwaye wanyanzela usompempe ukuba akhuphe amakhadi abomvu amahlanu kwimizuzu yokugqibela.
