
Ukungangeni kwi-Olimpiki kubuyisela umva ibhola yabasetyhini beli -Ellis
Umqeqeshi weBanyana Banyana, uDesiree Ellis, uthi ukungaphumeleli kwabo ukuya kwimidlalo ye-Olimpiki yaseParis kubuyisela umva ibhola ekhatywayo yabasetyhini kweli lizwe.
Iintshatsheli zase-Afrika zidlale ngokulingana neNigeria ngaphandle kwegowuli ngokuhlwa kwangoLwesibini eLoftus Stadium, kodwa iziphumo azikwanelanga ukuba ziphumelele iSuper Falcon iphumelele umlenze wokuqala e-Abuja ngo’1-0.
U-Ellis wayebonakala ephoxekile ngexesha lenkomfa yakhe yasemva komdlalo ecaleni kwekapteni uRefiloe Jane, echaza ukuba kutheni evakalelwa kukuba khange benze ngokwaneleyo.
”Kukuphoxeka okukhulu hayi kuthi kuphela kodwa kuye wonke umntu othatha inxaxheba kwibhola ekhatywayo yabasetyhini, kuba asizange siye ngo-2020, sasikwimeko efanayo apho sasinamathuba amaninzi – kodwa asizange siye kumjikelo olandelayo. .
“Kwangokunjalo khange siye kwi-Olimpiki ngenxa yoku, kuza kuthatha ixesha ukuchacha kule nto,’’ utshilo uEllis.
Umqeqeshi wenze iinguqu ezimbini kubadlali bakhe abaqalayo uHilda Magaia nomdlali wasemva uNoko Matlou baqale ebhentshini nalapho indawo zaba zithathwe nguNoxolo Cesane noNomvula Kgoale.
”Besiyazi ukuba ngokuza kulo mdlalo-sidinga ukufaka amanqaku, besazi nokuba kufuneka sifumane amanqaku kwangethuba ngoba okukhona umdlalo uqhubeka, kokukhona sinqwenela
”Asizange siqale kakuhle, siyitshintshe indlela kancinane besidlala ngayo ngoba besidinga amanqaku, sihambe nabathathu phambili-bafumene ithuba kwangethuba, ndiyacinga ukuba lelo kuphela ithuba abalifumene kulo mdlalo. Kodwa, khange siye phambili ngendlela ebesifuna ngayo kwisiqingatha sokuqala,” wongeze watsho uEllis.
INigeria izakudlala imidlalo ye-Olimpiki eParis ukusuka ngoJulayi ukuya ngo-Agasti kwaye balindwe siSpain,Japan neBrazil.
IZambia liqela lesibini elizamela iCAF kwi-Olympics emva kokubetha Morocco kumlenze wesibini wokuzibekela indawo kwi-2024 Olympics eFrance
