
Uncome iSundowns wahlasela uMokwena esithi ‘uyazicingela’
Owayesakuba ngumqeqeshi weWydad Casablanca, uSven Vandenbroeck uthi iMamelodi Sundowns lelona qela libalaseleyo kweli lizwekazi kodwa waphinda wahlasela umqeqeshi walo uRulani Mokwena.
Uveze ukuba kusenokwenzeka ukuba impumelelo yayo ekuphumeleleni iimbasa kweli lizwekazi ithintelwe kukuzingca komqeqeshi walo uRulani Mokwena.
UVandenbroeck, ongowaseBelgium, ebethetha kwisikhululo sikamabonakude sasekhaya i-Aajil News xa wayethetha oku.
Uthe ngokomgangatho wabadlali, nendlela abadlala ngayo, iSundowns ikwinqanaba laseYurophu.
“ISundowns lelona qela libalaseleyo e-Afrika, hayi ngokweziphumo kodwa ngokwendlela edlala ngayo,” utshilo umqeqeshi.
“Ndiyibona njengeqela laseYurophu. Into embi ngeSundowns ngumqeqeshi, uzazi kakhulu.
“Ngokuphathelele kwisakhono sokudlala, izinga liphezulu kakhulu – liqela elikhethekileyo.”
UVandebroeck angangqinwa ngugxa wakhe waseBelgium oqeqesha iBafana Bafana kwinto ayithethileyo.
UHugo Broos uvakalise iimvakalelo zakhe ngoMokwena esithi uzenza ‘uthixo’ webhola ekhatywayo eMzantsi Afrika.
Nangona kunjalo, uMokwena ukwadize ukuba bayixoxa loo nto noBroos, bayiphosa ngasemva.
Nkqu noSead Ramovic weTS Galaxy wehle wenyuka kulo mqeqeshi usemncinci nozithethayo xa evalelwe ekoneni.
Kwiveki ephelileyo, uRamovic utyhole uMokwena ngokufuna ukuhoywa.
