
Ingomso lika Mbule eNaturena ingathi limfiliba kodwa ikhona into evelayo
Nanjengoko umanejala wakhe uMike Makaab eqinisekisa ukuba iKaizer Chiefs inikwe ithuba lokutyikitya uSipho Mbule, ulwazi olutsha lubonisa ukuba akazukuya eNaturena.
Umthombo othembekileyo uthi uSipho Mbule akazukuya kwiChiefs kwisizini ezayo kodwa uzakuhlala eGauteng.
Umthombo ocele ukuba singachazwa uthi uMakaab ebeqhula nje abalandeli ngethuba ediza ukuba unikwe iKaizer Chiefs.
Uthe iingxoxo nelinye iqela ziqale kwanaphambi kokuba iMamelodi Sundowns yenze isigqibo ngaye.
“Abaphathi bakhe bebesazi ukuba mancinci amathuba okuba iSundowns ihlaziye isivumelwano sakhe kwaye baqale iinzame zokumfunela elinye iqela kwangethuba.
“Kwaye ngokuva kwam, asiyoKaizer Chiefs eza kutyikitya lo mfana,” utshilo umthombo.
“Ukuba ngenene uyanikwa iChiefs, ibiyimbeko nje kuba iingxoxo bezikwinqanaba eliphezulu nelinye iqela.”
Ngethuba lixinzelwa ukuba lichaze eli qela, umthombo uthe yayiziintshaba ezinkulu zeChiefs, i-Orlando Pirates.
“Mhlawumbi angatyikitywa yiOrlando Pirates ukuba akakatyikityi… uya phaya,” utshilo umthombo.
- FUNDA KWAKHONA:Udlula ebunzimeni owayesakuba yintshatsheli ye PSL
Ikamva likaSipho Mbule belingundabamlonyeni ukusukela oko kwavela ukuba iSundowns iqinisekisile ukuba ayizukuyihlaziya isivumelwano sakhe sengqesho.
- SIFUMANE KUFACEBOOK: Imidlalo Yoluntu.facebook.com
Ngaphambili bekuvakala ukuba iChiefs naMaZulu ngabo abanokumtyikitya, kodwa ngoku kubonakala ngathi uzakuba liBhakaniya.

Pingback: UVela Khumalo unethemba lokuphumelela indebe ye COSAFA - Imidlalo Yoluntu