Bafana BafanaCarling Knockout CupDStv PremiershipEzintshaMTN8Nedbank Cup

IKaizer Chiefs ithe ndlela-ntle kuLuke Fleurs ngembeko ekhethekileyo

IKaizer Chiefs ithe ndlela-ntle ngokukodwa kuLuke “Pelas” Fleurs ngokubhengeza ukuba eli qela liza kuyirhola ngokusesikweni ijezi engunombolo 26 eyayinxitywa ngumdlali wasemva nowabulawa kalusini. 

Oku kuza emva kokuba uFleurs wadutyulwa wabulawa ngethuba kuqweqwediswa imoto kwisikhululo sepetroli eFlorida, kwintshona yeRhawuti. Esi sehlo senzeke kwiveki ephelileyo ngoLwesithathu.

Usapho olusondeleyo, izihlobo, abadlali beqela, ababekade bedlala neqela, iziphathi-mandla zamaqela  kunye nabahlobo bakhe  bahlanganisene ukubhiyozela kwaye bawonga ubomi balomdlali oneminyaka engama-24 ubudala. Oku kwenzeke kuqhutywa inkonzo yesikhumbuzo ebibanjelwe kumabala emidlalo eFNB ngenjikalanga yangoLwesine.

Abanye abebekho ngamaqela eDStv Premiership iMamelodi Sundowns kunye neSuperSport United, nalapho uFleurs wazenzela igama khona.

Engqungwe ngabaqeqeshi beqela ,umlawuli wezemidlalo kuMakhosi osentlungwini uKaizer Motaung Jnr uqinisekile ukuba ijezi engunombolo 26 ebeyingxitywa nguFluers akakho umdlali oyaze aphinde ayinxibe eqeleni.

Ekunye liqela eliphezulu kunye neqela labaqeqeshi, umlawuli wezemidlalo kuMakhosi osentlungwini uKaizer Motaung Omnci uqinisekisile eli wonga. Uthe ijezi engunombolo 26 izakuthatha umhlala-phantsi ngokusesikweni kwaye ayisokuze inxitywe namphi na umdlali kweli qela.

“Ndiqinisekile ukuba uLuke wayenamaphupha amaninzi engumfana. Kwaye kungqinwa kakuhle ukuba elona phupha lakhe wayenalo kukunxiba nje ijezi yegolide nemnyama kwiKaizer Chiefs,” utshilo uMotaung Jnr.

“Ngoko ke, ngembeko yakhe nokuqinisekisa ukuba akalityalwa, usihlalo wethu olawulayo uGqirha Kaizer Motaung uvumile ukuba siza kuyirhola ijezi kaLuke engunombolo 26.

“Oku akwenzeki rhoqo. Kodwa njengejoni eliwileyo, iziko lonke likholelwa ukuba yinto elungileyo ukuyenza. Kwaye sifuna ukuqinisekisa ukuba ilifa lakhe linathi ngonaphakade.

“Nabo baza emva kwethu bayakwazi ukuba kukho uLuke Fleurs owayenxibe ijezi engunombolo 26 kwiqela lebhola ekhatywayo leKaizer Chiefs.

“Kusapho nabahlobo, sifuna nazi ukuba amaxesha anzima afika xa igumbi lingenamntu. Emva ekhaya kunye neemeko eziqhelekileyo okuyo, siyathembisa ukuba sikunye. Kwaye siya kwenza konke okusemandleni ethu ukuxhasa igama likaLuke kunye nelifa. Ukukubonelela ngayo yonke inkxaso esinokuyenza. “

Ukubhubha ngequbuliso kushiye bonke abadlali bebhola ekhatywayo basekhaya nabamazwe ngamazwe bothukile. Ukuthatyathwa kobom bomdlali oselula obokunokwenzeka adlale kwiqela lesizwe iBafana Bafana kuthathwe ngolo hlobo kushiye abaninzi bekhathazekile.

Imiyalezo yembeko ekhethekileyo ifunyenwe kumongameli weFIFA uGianni Infantino, umongameli weConfederation of African Football (Caf) uPatrice Motsepe naye uthumele eyakhe kwakunye noMongameli weSaudi Arabia Football Federation uYasser Al Misehal uhambise eyakhe, phakathi kwabanye abaninzi.