Bafana BafanaEzintsha

UWilliams uthi bafuna ukubonisa i-Algeria kutheni bephume indawo yesithathu kwi-AFCON

Ukapteni waBafana Bafana uRonwen Williams uye wamkhusela u-Hugo Broos ngokukhetha iqela eladlala kumdlalo wabo apho badlala ntanganye 1-1 ne-Andorra.

Kumdlalo obungakhuthaziyo kuMzantsi Afrika emva kokuphuma kwindawo yesithathu kwi-Africa Cup of Nations ka-2023, basebenze nzima bebambana nelizwe elikwindawo ye-164 kwibhola ekhatywayo yehlabathi.

UBroos uthe wanelisekile kukunika abadlali abatsha ithuba nabadlali abaninzi abadlala umdlalo wokuqala kodwa wathi akuzukubakho mfuniselo kwi-Algeria ngoLwesibini xa bequbisana eNelson Mandela Stadium ngo-23h00.

“Siphoxekile njengeqela,besingawuphumelela umdlalo ,sidale amathuba amaninzi kodwa xa sisithi liqela elahluke ngokupheleleyo kweli ebesinalo kule minyaka mibini idlulileyo,” utshilo uWilliams kwiSafa media.

“Bebebaninzi abadlali abatsha, abadlali ababuyileyo kwiqela, ngoko ibiliqela elitsha ngokupheleleyo kwaye kuthi, eyona nto iphambili kukuba asizange siphulukane nomdlalo, ewe siphoxekile ngokungaphumelile umdlalo.“

Umqeqeshi uthe unika abadlali abatsha ithuba lokubonisa italente yabo, ukuze bakwazi ukuphakamisa izandla kodwa eyona nto ibalulekileyo kukuphumelela – kukuphela kokuphoxeka esikufumene emdlalweni – kukuba asiphumelelanga.

“Sizive somelele ngokwaneleyo ukuba siphumelele, sidale amathuba amaninzi, kodwa ngomnye wemidlalo apho umqeqeshi ebenezizathu zakhe ngendlela avumela ngayo abadlali abaninzi ukuba badlale ngoko ke akufuneki sijonge kakhulu kulo mdlalo.

“Ngomso(Namhlanje) yinto enkulu, sidlala nesizwe esisingethe, baphuma kwi-AFCON embi kakhulu, besanda kufumana umqeqeshi omtsha [uVladmir Petkovic] onokuba yingozi kakhulu njengoko abadlali befuna ukuphakamisa isandla, bafuna ukubalwa, siziqeqeshe ngokufanelekileyo, sikulungele ukubonisa ukuba kutheni siphume kwindawo yesithathu kwi-AFCON kwaye sifuna ukungaguquguquki kwindlela esidlale ngayo.”