Ezintsha

Yimincili eNigeria ngethuba iBanyana intywizisa emva kokuhluleka ukuzibekela indawo kwi-Olimpiki

I-Super Falcons yaseNigeria iza kukhuphisana kwiMidlalo ye-Olimpiki ka-2024 eParis, emva kokuphumelela kuMzantsi Afrika ngo 1-0 kwimilenze emibini yokuhlungela ukuzibekela indawo. 

INigeria iphumelele ngo-1-0 ekhaya kumlenze wokuqala ngelixa umlenze wesibini uphele bedlale ntanganye eLoftus Stadium ngoLwesibini ngokuhlwa.

Ipenalthi kaRasheedat Ajibade kumlenze wokuqala e-Abuja yanele ukuba iNigeria igqibe  iminyaka eyi-16 yokungabikho kule midlalo.

Umqeqeshi weBanyana-Banyana, uDesiree Ellis, wenze iinguqu ezimbini kwiqela eliqale kumdlalo wokuqala engenisa uNoxolo Cesane endaweni kaHilda Magaia noNomvula Kgoale endaweni kaNoko Matlou lo gama bekungekho zinguqu kwiNigeria.

Iindwendwe zibonise iinjongo zokufumana amanqaku kwangoko ngomzuzu wesine. U-Ajibade wafumana uChinwendi Ihezuo kodwa imigushuzo yakhe yaphelela ezandleni zikaKaylin Swart. 

Kuthe ngomzuzu weshumi elinesithathu u-Abiodun Ajibola uphose ibhola ngaphandle.

IBanyana ibe nembumbulu yokwenene ngomzuzu weshumi elinesithoba ngethuba uJermaine Seoposenwe efumana uCesane othathe ibhola eyibhekise kunozint weSuper Falcons kodwa lo bhola kuthiwe uyidlale sele elalele.

Kwimizuzu emithathu phambi kwesiqingatha seyure, iSuper Falcons ziphumelele isiqwenga ifree kick ngaphandle kwesiqingatha sabo u-Okeke Chidinma wasithatha wawelela kuGrace Kanu intloko yakhe iphose nje kancinci ipali.

ISuper Falcons ibinokuwuqhawula umjikelo kwimizuzu emine ukuya kwixesha lokuphumla idlala kakuhle, kodwa uLebo Ramalepe obedlala umdlalo wakhe wekhulu (100) kwiBanyana, wenze kakuhle ukukhupha ibhola eyingozi kuKanu ebhokisini.

Khange kubekho tshintsho kwiqela leBanyana kwisigaba sesibini. Kwimizuzu emibini emva kwesiqingatha uKarabo Dhlamini ufumene uThembi Kgatlana iinzame zakhe ziye zaphumela ngaphandle. 

Iintshatsheli zase-Afrika ziqale ukudlala ngcono nangeenjongo emva kokungena kukaMagaia noSinoxolo Cesane. 

IBanyana iphantse yavuzwa ngomzuzu wamashumi amathandathu anesithoba, uSeoposenwe wagqitha kuKapteni uRefiloe Jane ofumene uSinoxolo ebhokisini kodwa uChiamaka Nnadozie ukhuphe umzimba wakhe emgceni ukuze asindise iqela lakhe.

Esi sisihlandlo sesibini kulandelana iBanyana ihluleka ukuzibeka indawo kwi-Olympics. Ngeli xesha iintshatsheli zase-Afrika amatyeli alithoba ziza kukhuphisana namaqela afana neSpain,Brazil neJapan kuGroup C.