FIFA World Cup

U- Broos ubongoza ukuzola uthi “Eli asiloxesha lokuthandabuza iBafana”

Umqeqeshi weBafana Bafana u-Hugo Broos umemelele umanyano kunye nenkolelo njengoko uMzantsi Afrika ulungiselela umdlalo wokuzibekela indawo kwiNdebe yeHlabathi oza kudlala neRwanda ngorhatya lwangoLwesibini eMbombela Stadium.

Igqala lomcebisi laseBelgium livumile ukuba umdlalo wangoLwesihlanu ngaphandle kwamagowuli kunye neZimbabwe yaba sisibetho esikhulu-esishiye ithemba leBafana kwiNdebe yeHlabathi ka-2026 lijinga ngomsonto.

UMzantsi Afrika ngoku ujongene nongquzulwano ekufuneka uphumelele, kufuneka ubethe iRwanda ngokufanelekileyo ngamagowuli amabini nangaphezulu ngelixa uthandazela iNigeria, equbisana neenkokeli zeGroup C iBenin.

“Ndibaxelele abadlali, ibingesiso isiphumo esihle kuthi,” utshilo u- Broos kwinkomfa yakhe noonondaba phambi komdlalo.

“Kodwa eli asiloxesha lokuba siqale ukuthandabuza okanye umgangatho esiwakhileyo kule minyaka imbalwa idlulileyo.”

UBroos ubethelele ukubaluleka kokuhlala womelele ngokwasengqondweni xa ugxekwa noxinzelelo.

Akunyanzelekanga ukuba senze le nto abanye bayenzayo ngoku – qala ukuthandabuza, qala ukubeka yonke into umbuzo. Ayisiyonto ilungileyo leyo. Kufuneka sixhase iqela.

Umqeqeshi ugxininisa ukuba abadlalibakhe bagxile kwaye banomdla wokwenza umdlalo omkhulu phambi kwesihlwele sasekhaya.

“Ndiqinisekile ukuba sizakube siwulungele. Sikulungele ukuphumelela umdlalo. Kodwa sonke siyazi ukuba akwanelanga sidinga uncedo oluvela kwelinye icala.”

Njengoko iqela lihleli kakuhle, ikamva leBafana alizukuxhomekeka kwiziphumo zayo kuphela kodwa nasekubeni iNigeria inganqanda na iBenin ekufumaneni impumelelo.

FUNDA KWAKHONA :U- Middendorp wenza uhlaselo olufihlakeleyo kuGavin Hunt

UBros uqukumbele ngenqaku elinethemba: “Masithembe ukuba oothixo bebhola ekhatywayo banathi-kwaye iBenin ilahlekile.”

SIFUMANE KUFACEBOOK :Imidlaloyoluntu.facebook.com

Umdlalo wokukhatywa kwebhola phakathi kwaBafana Bafana neRwanda uza kuba ngo-6pm ngoLwesibini eMbombela Stadium-umdlalo onokuchaza isiphelo seNdebe yeHlabathi yoMzantsi Afrika.

One thought on “U- Broos ubongoza ukuzola uthi “Eli asiloxesha lokuthandabuza iBafana”

Comments are closed.