
Isethenjwa somqeqeshi wesizwe siphelelwe yindawo kwiqela lasePitoli
ISuperSport United yohlukene nomdlali odlala emva uSiyanda Xulu emva kwesizini enye kuphela.
UXulu uzibandakanye naMassatsantsa aPitori ekuqaleni kwesizini edlulileyo emva kokuhlukana neTuran Tovuz IK yase-Azerbaijan.
Lo mdlali udlale kwaSirayeli iisizini ezimbini apho ebedlalela iHapoel Tel Aviv.
Ngexesha leNdebe yeZizwe zase-Afrika (Afcon) e-Ivory Coast ekuqaleni kwalo nyaka, uXulu wayengakuqhelanga ukushiywa ngasemva kwisikimu sikaHugo Broos, olola iBafana Bafana.
Kolu khuphiswano, uXulu udlale imidlalo emithathu encedisa iBafana Bafana ukuba igqibe kwindawo yesithathu, wabuya nembasa yobhedu.
Nangona kunjalo, kwimidlalo yakutshanje yeBafana, uXulu ebengekho. Lo nto ibibangelwa kukuba ebengasadlali kwiSuperSport nanjengoko imtshabalalisile.
Ukuhamba kukaXulu, 32, kwiqela lasePitoli kuthetha ukuba usenako ukufumana iqela alithandayo.
Amanye amaqela adlale kuwo eMzantsi Afrika yiMamelodi Sundowns, Kaizer Chiefs neMaritzburg United.
