Ezintsha

ISundowns ifumene iYoung Africans kwiChampions League

IMamelodi Sundowns iza kuwavuyela amathuba okudlala kumdlalo wamaqela asibhozo wokugqibela kwiCaf Champions League emva kokutoswa neYoung Africans yaseTanzania kumdlalo wamaqela asibhozo wokugqibela obubanjelwe eCairo, eYiphutha ngoLwesibini.

IiBrazilians zingena okwesithandathu kumaqela asibhozo wokugqibela kwaye ijonge ukuphumelela iChampions League ityeli lesibini emva kokwenza njalo ngethuba ayeqeqeshwa nguPitso Mosimane ngo 2016.

Ukuba iSundowns ibethe iYoung Africans izakuqubisana nabaphumeleleyo komnye umdlalo phakathi kwe-Esperance yaseTunisia okanye i-Asec Mimosas yase-Ivory Coast.

ISundowns ifikelele kwimidlalo yesibhozo yokugqibela emva kokuhamba phambili kuGroup A apho kwakuneTP Mazembe yaseDR Congo, iPyramids FC yaseYiphutha neNouadhibou FC yaseMauritania.

Kwisizini ephelileyo iSundowns ikhutshwe yiWydad Athletic kumdlalo owandulela owamagqibela kankqoyi, kodwa ezi ngxilimbela zaseMorocco ekugqibeleni zoyiswe yiAl Ahly yaseYiphutha kaPercy Tau ophumelele intshinga isihlandlo seshumi elinanye.

Imidlalo yokuqala yamaqela asibhozo okugqibela iza kudlalwa ekupheleni kwale nyanga kwaye iSundowns izakuqala idlale kude nekhaya njengoko umlenze wokuqala useTanzania.

ISundowns iza kuqubisana neSuperSport United kwidabi laseTshwane ngoLwesibini phambi kokudibana neMaritzburg United kumdlalo weNedbank Cup ngeCawe.

IiBrazilians zihamba phambili kwiDstv Premiership kwaye isendleleni yokuphumelela iligi isihlandlo sesixhenxe kulandelana.

Amaqela asibhozo okugqibela:

Simba SC (Tanzania) v Al Ahly (Egypt)

TP Mazembe (DR Congo) v Atletico Petroloes (Angola)

Esperance (Tunisia) v Asec Mimosas (Ivory Coast)

Young Africans (Tanzania) v Mamelodi Sundowns (SA)