DStv PremiershipEzintsha

Iqela leDstv Premiership lothuse abaninzi linqumamisa umqeqeshi oqhuba kakuhle

Akukacaci izizathu ezibangele ukuba iqela lePremier Soccer League linqumamise umqeqeshi walo nanjengoko izinto bezihamba kakuhle phantsi kwakhe.

Kuvele iingxelo zokuba iSekhukhune United inike umqeqeshi uLehlohonolo Seema ‘ikhefu elikhethekileyo’ njengoko kushiyeke imidlalo emibini phambi kokuba isongwe iDStv Premiership.

Esi sigqibo siyamangalisa kuba eli qela lisangekasicaciseli isizathu sokuba umqeqeshi oyinzalelwane yaseLesotho angahlali ebhentshini kule midlalo iseleyo.

IBabina Noko iza kudlala naMaZulu kule mpelaveki izayo, avale isizini ngeChippa United.

USeema utyunjwe kweyeNkanga kunyaka ophelileyo kwesi sikhundla, ethatha indawo kaBrandon Truter owagxothwayo kuba engafumani iziphumo.

Ngokutsho kweSABC Sport, esi sigqibo sokumisa uSeema emsebenzini sibonisa ukuba uzakukhonjwa indlela ekupheleni kwesizini.

USeema unikwe inkontileka yeminyaka emithathu liqela, kwaye ufumene iziphumo ezintle.

Sithetha nje, iSekhukhune unethuba elihle lokugqibezela indawo yesine kulog, okwenzekileyo kuyamangalisa.

USeema ukwazile ukudlala imidlalo engamashumi amabini ananye, waphumelela esibhozo, wadlala ngokulingana elithoba waze wabethwa emine kuphela.

Kuvela ukuba isekela lakhe, uMacDonald Makhubedu noPaulus Masehe ngabo abaza kuwuthatha lo msebenzi de kuphele isizini.