
UKatsande unomngqweno wokuqeqesha iKaizer Chiefs neZimbabwe.
Lukanyo Tshitshi.
Umdlali wasesuswini osele ethathe umhlala phantsi nosuka kudlalela iKaizer Chiefs kunye neqela lesizwe laseZimbabwe, Willard Katsande, uvakalise ukuba xa equkumbela isiqinisekiso sakhe sokuqeqesha ngoJune walonyaka ungqwenela ukuqeqesha iChiefs ebonokala itsala nzima.
UKatsande noyinzalelwane yaseZimbabwe uchithe iminyaka elishumi edlalalela iChiefs phambi kokuba alishiye ngonyaka ka-2022 ayokudlala kwiSekhukhune United.
Kwimidlalo eyi-310 ayidlalileyo kuMakhosi uphumelele iLeague amatyeli amabini, iNedbank Cup kunye neMTN 8.
Uthetha kwinkqubo kanomathotholo yezimidlalo iMarawa Sports Worldwide kwi-947 FM, UKatsande uvakalise ukuba sele eqalile nokulungisela ukuqeqesha kodwa amehlo wakhe ajonge iChiefs nakwiqela lesizwe leZimbabwe.
“Ukugqiba kwam iziqinisekiso zam, ndisajongane nesikolo sam sebhola ekhatywayo ngoku. Ndiyazilungiselela.
“Nje ukuba ndigqibe iziqinisekiso zam, ndiza kuyenza lo nto [kuqeqesha iKaizer Chiefs] emva koko ndiye kwiqela lam lesizwe [eZimbabwe], kuba ndikholelwa ukuba kufuneka ndibuyisele iqela lam lesizwe,” utshilo uKatsande.
IChiefs itsala nzima kule sizini. Emva kwemidlalo eyi-27 lihleli kwindawo yesibhozo kwitafile yeDstv Premiership nalapho ingazibona ingangeni kumaqela aphezulu asibhozo kuba amaqela aza emva kwayo afana neChippa United akadlali makhasi ajonge ukungena kwi Top 8.
Kumdlalo wangoLwesibini iChiefs idlale ntanganye 2-2 neTS Galaxy kodwa eyonanto ibiyinto yokuthetha kubalandeli emva komdlalo ibiyindlela abadlali beliqela abaziphatha ngayo. Umdlali wangesemva u-Edmilson Dove kunye nonozinti uBrandon Peterson obengekho phakathi ebaleni bafumene amakhadi abomvu.
IGlomour Boys sele ihambe umgama omde lingaphakamisi ndebe. Sele kudlule iminyaka esibhozo eliqela libonwa njengeqela elikhulu eMazantsi Afrika lifukuza lizama ukubuyisa isidima salo.
Iqela lesizwe laseZimbabwe lona litsala nzima ngakumbi, kodwa uKatsande ubonakalisa ukuzithemba kwaye nokuzimisela ekukhululeni lamaqela embandezelweni.
