EzintshaNedbank Cup

UMotshwari ulumkisa iPirates

Umdlali wasesiswini waMaZulu FC, uBen Motshwari, ulumkise i-Orlando Pirates phambi komdlalo wamaqela asibhozo okugqibela kwiNedbank Cup ngoMgqibelo.

Lo mdlalo uzakudlalelwa eMoses Mabhida Stadium ngentsimbi yesithandathu malanga.

Lidabi phakathi kwamaqhinga amabini aseSpain uPablo Franco Martin kunye noJose Riveiro. Akukho namnye kubo ophumeleleyo ngethuba edibana okokuqala kumjikelo wokuqala weDStv Premiership njengoko umdlalo waphela ngo 0-0.

Usuthu lubambe impumelelo evuselela umdla kwiCape Town City kumdlalo weligi ngeCawe ephelileyo. Kusenjalo, iBucs iza kulo mdlalo iphakamise imisila emva kokubetha iGolden Arrows ngo’7-1 e-Orlando Stadium.

UMotshwari ugxininise ukuba Usuthu alashukunyiswa kwaye alothuswa leliqela laseSoweto njengokuba batywatyusha Abafana Besthende ngemvula yamanqaku.

Uthi Usuthu aluzuyenzela lula iPirates kwaye ukholelwa ukuba banayo into efunekayo ukuze lufikelele kwiponti neqela lakhe lakudala.

“Ikwahamba nendlela, asiyoGolden Arrows,” utshilo uMotshwari ngethuba ebambe inkomfa noonondaba phambi komdlalo.

“Ndicinga ukuba bebenesicwangciso somdlalo esahlukileyo, besondela kulo mdlalo. Andazi ukuba bebesenza ntoni xa bebethwa ngo-7-1.

“Kodwa kuthi, izakuba ngumdlalo webhola owahlukileyo ngokupheleleyo. Kuthi silumkile, ngethemba, bawagqibile loo magowuli bedlala ne-Arrows.

“Ukuza apha akuzukuba lula kubo. Ngoko siza kubanika ixesha elinzima. Ndicinga ukuba sinabo umgangatho, abadlali abakwaziyo ukudlala ibhola nabanokuhamba nabo ngeponti ukuya kwiponti.

“Ewe, baliqela elikhulu, siyabahlonipha kodwa le yibhola ekhatywayo, nantoni na ingenzeka.”

Ngelixa iPirates ijonge ukuyigcina intshinga yeNedbank Cup eyiphumelele kunyaka ophelileyo, ibetha iSekhukhune United kumdlalo wokugqibela kankqoyi, Usuthu lujonge ukuphelisa imbalela yendebe yeminyaka engamashumi amathathu anesibini. Abakhange bayiphakamise indebe ukusukela ngo-1992 ngethuba bephumelela indebe yeCoca-Cola