
URiveiro uthe uchacha kakuhle UMakhaula
Umqeqeshi oyintloko we-Orlando Pirates, uJose Riveiro, unike olunye ulwazi ngemeko kaMakhehleni Makhaula emva kokuba lo mdlali wasesiswini efuna unyango olungxamisekileyo ebaleni.
UMakhaula uye wehla ebambelele kwicala lakhe ngasekupheleni kwesiqingatha sokuqala, kodwa ngelixa efumana unyango wabonakala ephulukene neengqondo. Abasebenzi bezonyango baye bagxalathelana ukuya kumnceda ngaphambi kokuba ahanjiswe ukuze ahlolwe ngakumbi.

Yayilixesha eloyikisayo kubo bonke ababebukele, kuquka uRiveiro kunye nebhentshi yePirates.
“Yayingumzuzu owothusayo kuthi sonke,” utshilo uRiveiro kwinkomfa yabezindaba.
“Ngokucacileyo enye yezo meko uthi ngamanye amaxesha ngelishwa unethuba lokuzihlalela ngokusondeleyo. Besikhe siyibone kumabonakude ngamanye amaxesha namhlanje ibilithuba lethu lokuzibonela kwaye ndikuxelela akukho ayimnandi.
“Kodwa sibulela koogqirha kunye noncedo lobugcisa ndicinga ukuba bakwazile ukumzinzisa kuba bekukho ixesha elinzima, yile nto ndiyivileyo.
“Into endingakuxelela yona kukuba usesibhedlela ezandleni ezilungule. Nangona ngingalifumananga ithuba lokuthetha naye uMakhuala kodwa kulungile.

