
Lide lana nasentlango kumaqela aseKZN
AmaZulu abethe iCape Town ebeyidlala ngabadlali abalishumi kumdlalo weDStv Premiership eDHL Stadium eKapa ngeCawe.
Iqela lasekhaya lidlale ngabadlali abangaphelanga isithuba esingaphezulu kweyure,iCity iye yanikezela idlala phantsi koxinzelelo kushiyeke imizuzu engaphantsi kwe-20.
Ibiyimpumelelo ebalulekileyo, kwaye iyimpumelelo yokuqala yeligi ngo-2024 kuSuthu njengoko ngaphambi kwalo mdlalo belele kwi ndawo yeshumi elinesithathu ngentla kancinci ekugawuleni lizembe.
Ukuphumelela kwabo kubabeka kumanqaku angamashumi amabini anethoba kwaye bayokuhlala kwindawo yeshumi elinanye kwimidlalo engamashumi amabini anesithathu. ICitizens ihleli kumanqaku angama-34 kwindawo yesithandathu.
ICity ifumene ithuba elihle lokuvula amanqaku ngomzuzu weshumi ngendlela engaqhelekanga. Unozinti waMaZulu, uVeli Mothwa, ugwetyelwe ukuba uyibambe ixesha elide kakhulu ibhola. Nangona u-Aprocius Petrus weCity uye wakhaba ibhola enzima yabetha kubadlali baMazulu.
I-City ifumene isibetho esinzima ngomzuzu wamashumi amabini anesithandathu, ngethuba uKeanu Cupido edlalisa kakubi uVictor Letsoalo ngethuba ephuma epalini.
UCupido wayeyindoda yokugqibela, kwaye usompempe wayengenayo enye indlela ngaphandle kokumnika ikhadi elibovu
Inqaku loSuthu lingene ngomzuzu wama-71 lifakwe nguSede Dion.
Ngaxesha nye iRoyal AM ibethe iPolokwane City ngo 3-1 ePietermaritzburg.

