
UMaduka uyaluvuma uxinizelelo lwemidlalo eshiyekileyo
‘Kufuneka siyiphumelele le midlalo (mibini eseleyo), ukuze sikhuseleke.’
Oku kuthethwe ngumqeqeshi weRoyal AM, uJohn Maduka, emva kokubethwa kweqela lakhe yiMamelodi Sundowns ngo 2-0 kumdlalo weDStv Premiership, eHarry Gwala Stadium, eMgungundlovu, ngoLwesibini ebusuku.
Kokwesibini iRoyal AM ibethwa yiSundowns kumdlalo weligi kwiintsuku ezine.
NgoMgqibelo, iThwihli Thwahla ibuyele eLoftus Stadium, ePitoli, ilambatha emva kokubethwa ngaBafana Ba’Style ngo 1-0.
“Sijonge le midlalo mibini ilandelayo. Kufuneka sizame ngale nto sinayo, kakade asizukwazi ukukhuphisana neSundowns,” utshilo uMaduka emva komdlalo.
“Sizamile ukunyamezela uxinzelelo kodwa uyazi ukuba bathe gqolo ukukuxinzelela de uqhekeke.
“Akukho lula ukudlala nabo. Liqela elidlala kakuhle neliyingozi xa liya phambili. “
Umdlalo ubulawulwa yiSundowns zisuka nje, logama iRoyal AM ibikhangeleka ihlwempuzekile xa ivimba ngasemva.
Amanqaku eSundowns afakwe nguPeter Shalulile ngomzuzu wamashumi amane ananye, ngelixa elesibini lifakwe nguLesiba Nku ngomzuzu wamashumi asixhenxe anesine.
Kwimizuzu yokugqibela, uMarcelo Allende uphose ipenela ebeyinonika eli qela lasePitoli inqaku lesithathu.
Ukubethwa kweRoyal AM, kuluxinzelelo kakhulu njengoko kushiyeke imidlalo emibini kuphela kwisizini.
Yahlulwe ngamanqaku amabini kuphela kwindawo yesibini ukusuka emsileni neRichards Bay enamanqaku angamashumi amabini anesixhenxe.
Ukuba iThwihli Thwahla uyasilela ukufumana amanqaku kumdlalo abaza kuwudlala neChippa United, nomdlalo wokugqibela neMoroka Swallows, ingazibhaqa idlala imidlalo yeplay-offs.
Imeko ayilunganga kweli qela njengoko lingakhange lifake nelinye iñqaku kwimidlalo emihlanu eliyidlalileyo.
Kwicala leSundowns, basondele ekophuleni irekhodi labo lokuqokelela amanqaku angamashumi asixhenxe ananye kwisizini.
Azikabethwa ezikaRulani Mokwena kule sizini, ziqokelele amanqaku angamashumi amathandathu anesithoba.
