EzintshaWomen's Football Super League

Ipenela ekhwinisayo ithe yoxutha impumelelo yeBanyana ngemizuzu yokugqibela

IBanyana Banyana idlale ntanganye neSenegal ngo1-1 eStade Lat Dior ngoMgqibelo ebusuku emva kokohlwaywa ngemizuzu yokugqibela umdlalo uphele.

Iintshatsheli ezikhuselayo zase-Afrika zijonge impumelelo emva kokuba uNthabiseng Majiya ekhokele ngomzuzu wama-67, kodwa ipenela ngomzuzu we-90 eyanikwa iSenegal ngebhola ebonakala ngathi ibetheke esandleni yavumela uMbayang Sow ukuba anyuse umgangatho kwaye aqinisekise ukuba iqela lasekhaya lidlala ntanganye kumdlalo wobuhlobo wamazwe ngamazwe.

Lo mdlalo wangoMgqibelo ibingowokuqala kwemibini yobuhlobo phakathi kwala mazwe mabini, umdlalo wesibini uzakudlalwa ngoLwesibini.

USibulele Holweni ufumene ithuba lokuqala lokwenene loMzantsi Afrika kungekudala emva koko kodwa imbumbulu yakhe ibingenawo amandla okukhathaza iSenegal.

Umlo wokugqibela uqhubekile noxa kunjalo, uNthabiseng Majiya elungisela iBanyana elinye ithuba, phambi kokuba uSwart aphinde abizwe, kweli ityeli esindisa ibhola ebekwe entloko.

Emva kwesiqingatha sokuqala esiphele kungenamanqaku kuso, iBanyana ibicinga ukuba bekufanele ukuba ifumene ipenela ekuqaleni kwesigaba sesibini, kodwa usompempe uye wayibethisa ngoyaba lonto.

ISenegal ifumene ithuba elikhulu lokuvula amanqaku kanye phambi kokuba iyure ibethe ilandela ibhola ebeligobile, kodwa ithuba liye lachithwa endaweni yoko yaba yiBanyana ekhokele kungekudala emva kokuba uMajiya ebethe ngobuchule umgibe we-offside wayibekela ekhaya ibhola.

ISenegal izamile ukulinganisa imizuzu elishumi ngaphambi kwexesha likasompempe esingakhatyelwa zipalini kwindawo eyingozi, kodwa kwakhona uSwart ebekhona ukuvala elothuba.

Njengoko ixesha lalisiya liphela, abantu baseMzantsi Afrika bajonge ukuba baphumelele kodwa ngexesha elongeziweyo iLionesses of Teranga zanikwa iphenela esinosukuzwano kulandela ukukrazulana kwebhokisi kwaye uMbayang akazange enze mpazamo kuloo ndawo ukuqinisekisa ukuba umdlalo uphela ngo 1-1.