Iindaba zebhola

Intshatsheli kanomathotholo idize iimeko ejongene nazo i- Pirates eCongo

Umsasazi weMetro FM uThabo “Touch” Molefe uyikhabile indlela i-Orlando Pirates ephethwe ngayo eDR Congo, wacela umongameli weCaf uPatrice Motsepe ukuba athathe amanyathelo.

I-Orlando Pirates ibethelwe ngo’3-0 yiSt Eloi Lupopo yaseDR Congo ngeCawe kumdlalo weCaf Champions League kumjikelo wesibini wokuqala.

UMolefe osasaza inkqubo ye-drive time kwiMetro FM, uthi akukho Orlando Pirates ingafumana iziphumo kulo mdlalo phantsi kweemeko.

“Andikhathali nokuba unesiphiwo kangakanani na, ukuba iimeko azikuvumeli ukuba ubonise isakhono sakho, awuzukuqhuba kwelona nqanaba lifanelekileyo.

“Asindim oza kuthi iPirates ilahlekile – hayi, hayi, hayi.

Ayizange yoyiswe,” utshilo uTouch kule veki kumdlalo wakhe.
“Masithi ngokomzekelo undithathe undibeke kwisikhululo esimdaka esiphantsi. Andizukuvakala kakuhle ngolu hlobo.

“Ngoku, udlala njani… Ndenze uphando lwam, kwaye iqela lam lindixelele oku.Balunyukisiwe ukuba kukho izigcayiseli ebaleni.

“Udlala njani usazi ukuba ungabagxotha?
“Xa babekwihotele, babengakufumani ukutya kwabo okuqhelekileyo.”

Ingcali yezondlo wabalumkisa ngelithi kwakuza kufuneka baye kudlala bengatyanga.

“Nayo imozulu ibimbi, njengoko benzile kwiCape Town Marathon, umdlalo bekufanele ukuba uyekwe.

“Imozulu ibingabavumeli abafana bethu ukuba babonakalise izakhono zabo,” wongeze watsho uTouch.

Ukwadize ukuba uthumele umongameli weCaf uPatrice Motsepe umyalezo ngemeko emva kokuba efundile ngeyona nto yenzekayo.

“Ndithumele umyalezo wambetha ndathi, ‘jonga, andikuceli ukuba ube ngumthandi welizwe – kuba wonke umntu waseMzantsi Afrika ufanele ukuba ngumthandi welizwe’.

FUNDA KWAKHONA :Intshatsheli ye Pirates iyakhazimla kwiimbasa zeCaf

“Ndithe, ‘Into endiyicelayo kukuba uyihloniphe iofisi yakho.Okwenzeka kwiOrlando Pirates kulihlazo ngokungeyomfuneko.Ayikwazi ukudlala phantsi kweemeko ezinjalo’.

SIFUMANE KUFACEBOOK :Imidlaloyoluntu.facebook.com

“Ndingumlandeli weChiefs kwaye ndibhiyozela usuku lokuzalwa kukasihlalo, kodwa ndikwangumthandi wesizwe. Xa iqela elisuka e-DRC lifika apha, liza kuphathwa kakuhle.”

One thought on “Intshatsheli kanomathotholo idize iimeko ejongene nazo i- Pirates eCongo

Comments are closed.